Samsung Galaxy A14

Ngawaphi amaqela azakufikelela kwamane okugqibela?

0
EZIPHAMBILI KWEZEMIDLALO: Azokwaziwa ngempela veki emva kwemidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi amaqela amane okugqibela azakusala kwindebe yehlabathi eQatar.

Kukhangeleka ngathi yiKhrismesi kwakhona

0
Incwadi evela eLimpopo: Indlu egcwele ngabantwana abonwabileyo, yanele ukubuyisa imilingo yobumnandi beKhrismesi kuThabiso Sekhula.

Umakhulu unoloyiko lokuwelwa yindlu yakhe imngcwabe

0
Bophuke iintliziyo abahlali belali yaseMdlankomo eLibode kwiphondo leMpuma Kapa ngenxa yobugxwayiba abaphila phantsi kwabo, apho kukhona uthuli oluyingozi kwimpilo zabo, olubangelwa yiProjekthi eyohlulekileyo ukuphucula ubomi babo. 

Ilizwe laseIran libuyisa isigwebo sentambo

0
Owabanjelwa uqhankqalazo ngakurhulumente welizwe lase Iran ube ngummi wokuqala ukufumana  isigwebo sentambo. 

Kuvaliwe ukushumayela koololiwe

0
Kwixesha elidlulileyo bezininzi izinto obunokuzenza kuloliwe, ezifana nokuthenga iziqhamo nemifuno, okanye udlale amadayisi, kwaye ufumane nelizwi lenkosi kwabo bamiphefumlo inxaniweyo, njengoko kwakukhona amagumbi entshumayelo. 

 Liyonyuka inani labantu abayeka phakathi amachiza entsholongwane kaGawulayo eTshwane

0
Iqumrhu iTreatment Action Campaign (TAC) lithi lixhalabile malunga nezigulane ezitya amachiza okudambisa intsholongwane kaGawulayo kwisixeko saseTshwane.

Ifumene utyando oluzakutshintsha ubomi bayo intwazana eneminyaka emine 

0
Intombazanana eneminyaka emine kuphela uSamantha Nelwana, ufumene utyando lwasimahla lokungciba umngxuma obusentliziyweni yakhe – kwaye ubomi bakhe butshintshe unaphakade.

Ngaphandle komdaniso weSamba, ifile ibhola yaseBrazil

0
Ilizwe laseBrazil lixhomekeke kumdaniso walo iSamba ukuze lifake amanqaku, kuba yeyona nto ibakhuthazayo.

UMantashe uthi: “Asizumlahlela emhadini weengonyama”

0
Umphathiswa wesebe lezimbiwa namandla, uGwede Mantashe, uyalele onke amalungu epalamente ombutho weANC ukuba avotele ukuphikisana nokusetyenziswa kwengxelo emalunga nebholo lasePhala Phala okanye bajamelena nesohlwayo esizakwazisa  ngulombutho. 

Unxweme lwaseThekwini lugcwele ilindle

0
Unxweme lwaseThekwini bekufanele lugcwele ngabahlali kunye nabatyeleli, kubhala uLungani Zungu, ndiyacela ningabarhaxisi ngelindle. Ukukhulela eMlazi ngeminyaka yo1980, iholide zokuphela konyaka zazisoloko zisiza nobumnandi. Ukuya elwandle yayinto eyayingasali ngeentsuku zobumnandi baseThekwini kulwandle iSouth Beach.