Usodolophu wanyanzelisa oomanejala ukuba bathathe imali ezizigidi ezibini zeeRandi.

0
Usodolophu ogxothiweyo kumasipala wesithili saseAmajuba eNewcastle kumntla ntshona wephondo lakwaZulu Natal, utyholwa ngokunyanzelisa oomanejala asele benamava kulomasipala ukuba bamnike imali efikelele kwizigidi ezibini zeeRandi yokwakha ikhaya losapho lwake. 

Kulahleke usana emva kokushiywa nomntu ongaziwayo. 

0
Usana oluneenyanga ezintlanu, uIvakele Yeko, luthunjiwe emva kokuba inina eligcina olu sana limyaleze kowase tyhini ongaziwayo ngenjongo zokungena evenkileni ngoMvulo. 

Ukhuseleko yinto engekhoyo eGqeberha

0
Ezicaweni nasezikolweni akusekho ndawo ikhuselekileyo eGqeberha, kwaye iicawe nezikolo zezona ndawo ziya zisiba zizisulu zoonqevu abaxhobileyo kuba besithi zindawo ekulula ukuzixhomisa. 

Ilizwe laseMorocco lithemba lelizwekazi iAfrika kwindebe yehlabathi

0
Ilizwe laseMorocco lizakudlulela kwisigaba semidlalo esandulela amagqibela kankqoyi okokuqala kwimidlalo yendebe yehlabathi yeFifa.

Sivulwe ityeli lesibini isikhululo sezicimamlilo esingazange sasebenza 

0
Ngenyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo usodolophu wesixeko saseTshwane uRandall Williams wavula ngokusesikweni isikhululo saseMamelodi esijongene nemililo esakhiwa ngemali efikelele kumashumi amathandathu anesibini yezigidi zeerandi. 

Umlinganiswa oyintloko kumboniso bhanya bhanya othi Wednesday ngowelizwe loMzantsi Afrika

0
Kukhangeleka ngathi akukho ndlela yokubaleka uWednesday (uLwesithathu). Umboniso bhanya bhanya wenkampani iNetflix ongundaba mlonyeni wenze lomboniso waduma nangaphezu kosuku obizwa ngalo. 

Babulewe bekhusela usisi wabo kwizidlwengu 

0
Kubulewe abafana ababini abaselula, ze imizimba yabo yalahlwa ngethuba bebezama ukusindisa udade wabo ukuba angadlwengulwa ngoonqevu ngobusuku bangomgqibelo. 

ICroatia igoduse ilizwe laseJapan ukuze ifikelele kwisigaba samaqela asibhozo okugqibela

0
Amatyeli amathathu apho uDominik Livakovit ekhabela ukukrazula umnatha ayaqhubeka ukuphumelelisa iqela laseCroatia kwimidlalo yendebe yehlabathi yeFifa, eliqela laligacele ukuthatha lendebe ngonyaka ka2018, nto leyo ibangele ukuba iqela laseJapan likhutshelwe ngaphandle kwakhona kwisigaba semidlalo yamaqela alishumi elinesithandathu.

Likhutshelwe ngaphandle  yiBrazil ilizwe laseSouth Korea kwimidlalo yendebe yehlabathi

0
Ibingumdlalo ophazamisayo obonakaliswe lilizwe laseBrazil, njengoko uNeymar ebuyela kubadlali bokuqala abaqale lomdlalo kwaye baphumelela ngamanqaku amane kwelinye kumdlalo wabo neSouth Korea. 

UZwane umelwe zizigqibo ezinzima kulesizini 

0
Emva kokutyikitya abadlali abalithoba ngaphambi kokuba kuqalale isizini yonyaka ka2022/23, umqeqeshi weqela leKaizer Chiefs uArthur Zwane ujamelene nomceli mngeni omandla wokuba ahlenga hlengise iqela lakhe elizakudlala kwisithuba esisuka kwinyanga yoMqungu ukuya kwinyanga yeSilimela kunyaka ka2023.