Umdanisi weli ugqwesile kukhuphiswano lokubonakalisa italente eBritain
UMusa Motha ongumdanisi welizwe loMzantsi Afrika wenze imbali ngokufumana iGolden Buzzer kwiijaji zonke kukhuphiswano iBritain's Got Talent ngenxa yomdaniso wakhe obashiye bengayivali imilomo.
Abahlali bagutyula iziyobisi kwiiLokishi zabo
Abahlali baseDuduza, eLangaville naKwa-Thema Ekurhuykeni abayinxalenye yeqela elilwa nolwaphulo mthetho iBattalion anti-crime group, bazimisele ukususa neengcambu ukushushumbiswa kweziyobisi okwenzeka kulemimandla.
Umsindo ngoku delelwa kweKumkani uMisuzulu nosihlalo weNgonyama Trust
Bavutha ngumsindo uKumkani uMisuzulu kaZwelithini kunye nosihlalo omtsha webhodi iNgonyama Trust emva kokubizwa "ngabantwana abangazinto" yinkokheli yomthomnyama esele inamva kuba isithi abakwazi kuthembeka ukuba bakhokhele iTrust exabisa izigigi ngezigidi zeeRandi.
Ivumba lomzimba osele ubolile lirhaxa abafundi
Abafundi besikolo samabanga aphantsi iVukanibantu Primary School eMotherwell, eGqeberha bafundela phantsi kwemeko ezingaginyisi mathe kuquka ukufundela kumagumbi abandayo ngenxa yimingxunya eseluphahleni kunye nefestile ezophukileyo, eyona nto ingamandla kukuba noonqevu abangena ndawo zokuhlala bayazenzela kulamagumbi okufundela.
Ziyanda izityholo zokudlwengula ngakwindoda eyadlwengula intombi yayo
Ixhoba lesibini lize ngaphambili lityhola indoda eneminyaka engamashumi amane ananye yaseMthatha ngokulidlwengula, ngelixa kanye lendoda iseziseleni ijamelene netyala lokudlwengula intombi yayo.
Iqhawe lasekuhlaleni lifundisa ukuqhuba simahla
Amaqhawe afumaneka ngeendlela ezohlukeneyo kwaye ngokungalinganiyo.
ULawrence uphumelele ibanga leshumi emva kweminyaka engamashumi amane anesithathu!
Inkonde uLawrence Xipu, obefunda Kwa-Thema Community Learning Centre ubonakalisile ukuba akuphelelwa lixesha ukufezekisa amaphupha.
UOrlando Pirates ijonge ukongamela iSundowns
Iqela le Orlando Pirates linamathuba okugqiba isizini lineembasa ezininzi ukodlula iqela leMamelodi Sundowns.
Intsindabadala yeyantlukwano phakathi kweKumkani noButhelezi
Kwasekuqaleni kokungena kwakhe kwesisihlalo, iKumkani yaKwaZulu uMisuzulu kaZwelithini ubenoxanduva lokukhusela ukuqhambuka kweyantlukwano enokuba nobungozi phakathi kwakhe noPrince Mangosuthu Buthelezi.
Isimanga somphathiswa okhuleliswe isekela lakhe ‘ngempazamo’
Umphathiswa wesebe lezemfundo welizwe iDenocratic Republic of Congo (DFC) uTony Mwaba Kazadi, ukhuleliswe usekela wakhe uAminata Namasia.