Samsung Galaxy A14

Umasipala waseThekwini uchithe iR20 Million kwizitatyu zaseChina 

0
Nangona zifike emva kweminyaka emihlanu.  

Inkundla yomgaqo siseko igwebe kwelokuba zipapashwe inkcukacha zentlawulo yerhafu kaZuma 

0
Ayanda amathuba okuba kuphele ukuzimela ngamahlala emithetho yemfihlo elawula intlawulo yerhafu ngakoomongameli kunye neziphathamandla kwii-ofisi ezinkulu zoluntu. 

Usomashishini uxhonkxa ikamva ngokubhaka

0
ULungisa Valeni wadikwa kukulinda imisebenzi kurhulumente, waqalisa ishishini lokuziphilisa ngokubhaka isonka. 

Kuliwa ngezihlalo kurhulumente omtsha wentsebenziswano eNelson Mandela Bay

0
Urhulumente wolawulo lwamaqela akhokhelwe yiANC kumasipala iNelson Mandela Bay, ujamelene nembambano ngenxa yezikhundla.

Ubukumkani bakwaZulu bulungiselela ukuphucula abahlali

0
Amalungu osapho lobukumkani baKwaZulu kwindlu kakumkani uMpande aceba ukuzivelisela umbane wawo ozakuncedisana nendawo zokuhlala zasemaphandleni ezifana naseShowe, ezichaphazeleka kakubi kakhulu yinkqubo yokucinywa kombane yakwaEskom.

Likhuthaza inkxaso itshantliziyo eliphumele esidlangalaleni ngempilo yalo

0
Imiceli mngeni ejamelene noEsethu Mpumaphi malunga nokuzifumanisa enentsholongwane ka gawulayo, kwamkhuthaza ukuba aqalise ikhasi likaFacebook kunye no WhatsApp abizwa “Amangculaza Amahle”.

Ziyanda iingxaki zokushokoxeka kwemveliso yombane kwa Eskom

0
Ilizwe loMzantsi Afrika libuyele kwisiqhelo sokuphila kwisigaba sesithandathu sokucinywa kombane, njengoko amaziko alishumi avelisa umbane engasebenzi kwaEskom

Alifumananga ubulungiswa kwisikhululo samapolisa ixhoba lokuxhatshazwa

0
Owasetyhini oneminyaka engamshumi amathathu uphume evutha ngumsindo kwisikhululo samapolisa iPhilippi East, emva kokuba igosa lomthetho limjikisile efuna uncedo limtyhola ngokuba unxilile.

Konyulwe iinkokheli ezintsha kwakhona kumasipala iNelson Mandela Bay 

0
Umasipala iNelson Mandela Bay unosodolophu omtsha, kodwa hayi ngaphandle kokuqhambuka kodushe nombhodamo njengoko iyintlala yenzeka kwiintlanganiso zebhunga lwalomasipala. 

Umongameli uzakundwendwela iHammanskraal ebhuqwa kukuqhambuka kwesifo sotyatyazo 

0
Inani labantu abaphulukene nobomi babo oko kuthe kwaqhambuka isifo sotyatyazo linyuke layakutsho kumashumi amabini anesine.