Ziyanda iziganeko zokuxhatshazwa kwabantwana kwiphondo leMpuma Kapa
Izenzo zokuxhatshazwa kwabantwana ziya zisiba yinto eqhelekileyo kwilali yaseMgababa eNgqushwa kweliphondo leMpuma Kapa.
Iinkokheli zomthonyama zikhalela ukuvalwa kwamakhulu ezikolo zasemaphandleni eKZN
Iinkokheli zomthonyama eNkandla zifuna isebe lezemfundo lephondo laKwaZulu-Natal lihlenga hlengise isigqibo salo sokuvala izikolo zasemaphandleni ezibonakalisa ukuhla kwenani labantwana.
Umbutho weANC uyaqhuba nokuzithandisa kwiKumkani yaKwaZulu
Urhulumente weANC KwaZulu-Natal uyaqhuba nokuzithengisa kwikumkani yesizwe saKwaZulu uMisuzulu kaZwelithini. Kwelityeli ubonakalise oku ngokumthengela umgrugra wesithuthi esiphezulu iRange Rover.
Iqela elilwa ulwaphulo mthetho eMthatha lifumana inkxaso kosomashishini
Oosomashishini baseMthatha banikezele ngezinxibo zokukhusela imbumbulu kunye nezinxibo zezandla kumalungu equmrhu elilwa ulwaphulo mthetho eliziphehlele kutsha nje kwisakhiwo iMunitata lijonge ukususa neengcambu ulwaphulomthetho kwinkaba yaledolophu.
Kukhuthazwa ootata ukuba bazibandakanye kubomi babantwana babo
UMthunzi Qhagana, ongumseki wombutho Izenzo Dadcare kwilokishi yaseKhayelitsha eKapa, ukwiphulo lokukhuthaza ootata ukuba baguqule iindlela zabo kwaye bathathe inxaxheba ngokubonakalayo kubomi babantwana babo.
Kuqhambuke ungquzulwano phakathi kwabalandeli be-IFP neANC
Kunyanzeleke ukuba akhuselwe ngoonogada aphume kwindawo ebekubanjwe kuyo umsitho karhulumente umphathiswa wesebe lorhulumento ngokubambisana nemicimbi yemveli, wephondo laKwaZulu-Natal, ngenxa yokuqhambuka kwempi phakathi kwabalandeli beIFP neANC eEstcourt ngoMgqibelo.
Ukhathazekile uButhelezi “ngokulahleka” kwekumkani
Ukumkani uMisuzulu kaZwelithini akabonwa kwaye inkulubaphathiswa yemicimbi yemveli ayimazi apho ahlala khona, kuba akasahlali kwikhaya lakhe ebhotwe.
Imali eyebiwa kwisikolo KwaNogcoyi yasetyenziswa kwezopolitiko
Lowo ubesaya kubayinqununu yesikolo samabanga aphantsi KwaNogcoyi primary okwa lilungu elidla umhlalaphantsi lebhodi elawulayo kwesasikolo utyholwa ngokuba imali engaphezu kwamashumi aluthoba amawaka eerandi, awayisebenzisela ukugaya ivoti kwizikhundla zezopolitiko.
UTovey ukhumbula intlanganiso yakhe yokuqala noBarker
UKapteni we qela leBafana Bafana elaphumelela indebe yeAfrica Cup of Nations ngonyaka ka1996 uNeil Tovey ukhumbula ukuqala kwakhe ukudibana nomqeqeshi uphumeizandla uClive Barker.
Kubanjwe owayesakuba yinkosikazi ngokubulala uGqirha waseGqeberha
Owayesakuba yinkosikazi kaGqirha obethendwa luluntu lwaseGqeberha uBantu Noqekwa, owadutyulwa wabulawa kwindawo yakhe yokusebenza ebutsheni benyanga kaCanzibe, ubanjelwe ukuba ngungqongqondo kwiyelenqe lokubulawa kwalowo wayesakuba ngumyeni wakhe.