eskommando

Libulela abathandi balo iqela labantwana iGhetto Kids njengoko beshiya kwiqonga iBritain’s Got Taent

0
Abantwana baseUganda badlulise umbulelo kubaxhasi nabalandeli babo ngenkxaso engagungqiyo nangona bengalifumananga iwonga eliphezulu kukhuphiswano iBritain's Got Talent. 

Unomathotholo wasindisa ubomi bukaAbongile kwimbandezelo yeziyobisi

0
Kwaphela iminyaka emithandathu engakwazi ukuphila ngaphandle kwesiyobisi icrystal meth uAbongile Tutshana, owayesele ephila ubomi bolwaphulo mthetho kwaye wayesele eneengcinga zokuzigqithisa amafu, kodwa wakhululwa kukuphulaphula unomathotho ekhayeni lakhe.

Igqiyazana elingevayo alinantanga kwezomdaniso

0
UZondi Khosa uphila nokungeva, kodwa oku akubanga ngumqobo kuthando lwakhe lomdaniso oshiya uninzi lumangalisekile.

Imfene ebihlala yodwa emqolombeni inosana!

0
Abagcini zilwanyana kumyezo waseJapan  bashiyeka bebhidekile ngethuba imfene enezandla ezimhlophe egama lingu Momo ikhulelwa ngonyaka ka2021, ekubeni hlala yodwa kwindawo ebiyelweyo. 

Bayakhalaza abazali ngesinxibo sootitshala ezikolweni

0
Bayakhalaza abazali babafundi kwizikolo zephondo leNtshona Koloni, bathi ootitshala banxiba ngendlela engafanelekanhq kangangokuba abantwana babo abasakwazi nokunika ingqalelo izifundo zabo. 

Ukwenyuka kwezinga lokukhulelwa kwabantwana liphembelele ukuveliswa komboniso bhanyabhanya 

0
Umlinganiswa womboniso iGiyani Land of Blood uFumani Shilubana uchukunyiswe kukwenyuka kwezinga lokukhulelwa kwabafundi kweli, wavelisa umboniso bhanyabhanya othi Pregnant High.

Ukuguga ayikokuphela kobomi kunobuhle wekhasi leOnlyFan

0
Unobuhle oneminyaka engamashumi amahlanu anesixhenxe, weOnlyFans owaziwa ngelika “The Golden Gilf” uthi akazuyeka ukuvelisa imiboniso yabantu abadala nokuba sele egugile, eneminyaka engamashumi alithoba.

Balala ngaphandle kwamasango eDyunivesithi ngethemba lokufumana indawo

0
UNombuso Mkhize uxhobe ngengubo kunye neziphumo zakhe zebanga leshumi kuphela. Akanakutya okanye imali, Kodwa unomnqweno wokuphucula ubomi bakhe. 

UElias uthengisa amaqanda ebaleni lezemidlalo eKapa 

0
Yiminyaka emihlanu uElias Sopazi ethengisa amaqanda kwibala lezemidlalo iVuyiseka Sports ground ePhilippi eKapa, kwaye ucinga ukuba ngumbono oqaqambileyo lowo.

Unxibe okwe nkondekazi ehlola impatho gadala kumaziko karhulumente umphathiswa!

0
Umphathiswa wesebe lophuhliso loluntu kwiphondo leMpuma Kapa uBukiwe Fanta, ungene ezihlangwini zabemi beli, ngethuba ezenza inkondekazi ngeenjongo zokuhlola impatho efunyanwa luluntu kumagosa esebe.