Imbethi manqindi yoMzantsi Afrika yenze imbali kwimidlalo yehlabathi
UThandolwethu Mathiba ube ngowasetyhini wokuqala oyimbethi manqindi yelizwe loMzantsi Afrika ukuphumelela umlo kwimidlalo yeIBA Women's World Championships.
Uyeza umdlali oqaqambileyo ovela eAfrika!
Rhoqo emva kweminyaka ethile, ubakhona umdlali webhola ekhatywayo welizwe laseAfrika omelwe kukuba nodumo kwihlabathi liphela, kwaye uVictor Osimhen ngomnye wabobadlali.
Iinkonde zilungiselela ukhuphiswano lwamazwe ehlabathi
Kuguga othandayo ngokuba iminyaka linani nje elingathethi nto. Kule mpelanyanga amaqela ebhola ekhatywayo angamashumi amabini wenkondekazi, azakukhuphisana kwindebe yamazwe ehlabathi iGrannies International Football Tournament (GIFT) eLimpopo.
Usutywe kukufa ukapteni weRichards Bay FC
Ngentseni yangoLwesibini unabelele uqaqaqa uKapteni weqela lebhola ekhatywayo iRichards Bay Football Club uSiphamandla Mtolo, emva kokuwa ngexesha loqeqesho lweliqela.
I-Liverpool itywatyushe iManchester United ngamanqaku asixhenxe eqandeni
Imbali yebhola ekhatywayo ibhalwe ngokutsha kwibala iAnfield, kwaye namarekhodi ophulwe ngokungena lusini ngolusuku.
IStellenboch iyimise ngxi impumelelo yeSundowns kumdlalo wangeCawa
Lisebenze nzima libonakalisa ubukroti iqela leStellenbosch ngengoko ligxobhe irekhodi leMamelodi Sundowns lokuphumelela imidlalo elishumi elinesihlanu ye Premier Soccer League.
UMessi usengumdlali ogqwesileyo
Umsitho weFifa wokuwonga abadlali abagqwesileyo ububanjelwe eParis ngoMvulo, apho uLionel Messi aphumelele khona imbasa yokuba ngoyena mdlali uhamba phambili kwicandelo lamadoda ityeli lesibini
Impumelelo yeDabi laseSoweto izise isiqabu kuZwane – nangona kusagqutha
Umqeqeshi weqela leKaizer Chiefs uArthur Zwane uvakale ekhululekile emva komdlalo wangoMgqibelo wedabi laseSoweto apho iqela lakhe liphumelele ngenqaku elinye kwimbande yesikhova libetha iOrlando Pirates.
Intshatsheli yezamanqindi ijonge ukukhusela intshinga yayo
Imbethi manqindi elinina eliyintshatsheli kuzwelonke uThema “Stone Cold” Zuma usemfuthweni njengoko kulindeleke ukuba akhusele intshinga yakhe yeBantamweight kumdlalo wakhe noBathabile Ziqubu eVryheid ngeCawa.
Yimidlalo eqaqambileyo kuphela etsala abalandeli emabaleni!
EZEMIDLALO: Ngomgqibelo kwiveki ephelileyo abantu abangamawaka angamashumi amane anesithathu bagaleleke kwibala lemidlalo iLoftus Versveld. Ngelixa abalinganiselwa kumawaka amahlanu bekhethe ukuya kwibala lemidlalo iEmirates Park. Isizathu soku silula.