Inyikima enkulu itshabalalise eTurkey naseSiriya
Kubhubhe abantu abangaphezu kwamawaka amabini namakhulu amathathu kwinyikima enobukhulu obulinganiselwa kwiimitha ezingu7.8 ehlasele ilizwe laseTurkey naseSyria ngentseni yanamhlanje.
Ibhola ekhatywayo sisisulu kwezopolitiko eDRC
Ibhola ekhatywayo isoloko isetyenziswa njengesisulu kumdlalo wezopolitiko kwihlabathi liphela. Ilizwe iDemocratic Republic of Congo (DRC) alohlukanga kwezizenzo.
Ityendyana laseNigeria likhuleliswe amanina alishumi
Liseluvalelweni lwamapolisa ityendyana eliselitsha lelizwe laseNigeria ngokumithisa amanina alishumi ngeenjongo zokufezekisa iyelenqe lokukhulisa ingxowamali ngokuthengisa abantwana.
UBoris Johnson nemicimbi yolonwabo engafanelekanga
Abanye babasebenzi balowo wayesakuba yinkulu mbuso yaseUK uBoris Johnson batyholwa ngokwabelana ngesondo kumnyhadala wolonwabo owawubanjelwe kwikhaya le nkulumbuso elisemthethweni ngobusuku obandulela usuku lokungcwatywa kukaPrince Philip – ngelixa kanye kwakusaqhuba imiqathango yokumiswa kweentshukumo zoluntu ngenxa yentsholongwane ye Corona.
Kubanjwe umngcwabi ngokunxulumene nokufa kwamaxhoba esifo sotyatyazo
Ibanjwe ngamapolisa aseMalawi indoda ethengisa iibhokisi zokungcwaba etyholwa ngokususa idriphu kwizigulane eziphethwe sisifo sotyatyazo kwidolophana iLimbe, ekwisixeko sozorhwebo iBlantyre.
Zivaliwe ezinye izikolo eMalawi ngenxa yokunwenwa kwesifo soTyatyazo
Iziphathamandla kwilizwe laseMalawi ziyinqumamisile inkqubo yokufunda nokufundisa kwizikolo zamabanga aphantsi namabanga aphezulu kwizixeko ezibini ezingundoqo kwelalizwe, emva kokuqhambuka kwesifio sotyatyazo (Cholera) esele sibulele amakhulu khulu abantu.
‘Ndigqibile ngabantwana!’ufunge watsho utata wabantwana abalikhulu elinesibini
Indoda yaseUganda enabantwana abalikhulu elinambini kwisithembu, ifunge ngelithi soze iphinde ibenabantwana ngenxa yokunyuka kwezinga lokuphila.
Ijike yaba lunxunguphalo imibhiyozo yonyaka omtsha eUganda
Kusweleke abantu abalithoba kuquka nomntwana oneminyaka elishumi kungquzulwano olubangelwe luxinano kudederhu lwevenkile eUganda.
Ime ngxi kwakho inkqubo yolwabiwo mali ngenxa “yeengxaki”
Abaqulunqi bomthetho kwilizwe laseNigeria bayirhoxisele unyaka ka2023 intetho yohlalo lwabiwo mali ngenxa “yeengxaki” ezifunyanisiweyo kwezezimali.
Amehlo ajonge kumdlalo wokugqibela wendebe yehlabathi
EZEMIDLALO: Emva kweentsuku ezingamashumi amabini anesibhozo, nemidlalo engamashumi amathandathu anesine, indebe yehlabathi yeFifa ifikelela esiphelweni - mabini kuphela amaqela aya kulomdlalo: iArgentina kunye ne France. Ingaba leliphi elizakuba ziintshatsheli zalendebe?