Inkwenkwana ibihlukunyezwa nguyisemkhulu ihlangulwe ngabahlali

NguZukile Majova

Abahlali bakwilali yaseLusikisiki kwiphondo leMpuma Kapa bayavutha ngumsindo emva kokuba inkwenkwana eneminyaka elithoba ibethelwe oogqirha nezicaka nguyisemkhulu kulelali.

Ngethuba ihlangulwa ngabahlali bekungekacaci ukuba yintoni ekhokelele kwesisehlo.

Inkulu baphathiswa yephondo leMpuma Kapa, uOscar Mabuyane uqinisekisile ukuba lo mba ufikile kuye, waze wayalela ukuba usodolophu womasipala wasekuhlaleni Ingquza Hill, uceba uNonkosi Pepping ukuba ayiphande le meko. 

UPetros Majola, nongumsunguli weKhula Community Project, elwela amalungelo abantwana kweliphondo uthe uyifakile ingxelo kumphathiswa wesebe lophuhliso loluntu uBukiwe Fanta nakumphathiswa wesebe lezemfundo uFundile Gade. 

“Andichasenanga nendlela abazali abaqeqesha ngayo abantwana babo kodwa oku kukuhlukumeza, andinokwazi ukusuka ndithule ndibukele.

“Okwangoku asizukuyichaza lenkwenkwana, isikolo sakhe okanye ilali yakhe ngenjongo zokukhusela yena kunye nekamva lakhe,” utshilo.

Abahlali bathe lenkwenkwana ibibotshelelwe ngentambo ibethwa nguyisemkhulu ngolwesihlanu, kwaye nemifanekiso engentla ibithathwe ngomhla we6 kweyeDwarha ngethuba ifumana unyango lenkwenkwana. 

Unjengele Cetyana, ongumkomishinala wamapolisa kwisithili sase OR Tambo kunye nentloko yecandelo lokhuselo lwabantwana ephondweni uBrigadier Konza bathumele iqela labacuphi ukuba liyobamba uyisemkhulu walenkwenkwana. 

Umfanekiso ongentla: Abahlali bahlangule lenkwenkwana kuyisemkhulu obeyihlukumeza.

Imvelaphi yomfanekiso: Unikezelwe