NguAnita Dangazele
Okokuqala kwiminyaka esibhozo, abahlali bommandla waseNelson Mandela Bay bangathoba unxano – nanjengoko amadama amane kwamahlanu ezele ephuphuma ngamanzi kulo mmnandla.
Ngelixesha kulonyaka uphelileyo ukuphela kwesomiso kulommandla ibingathi liphupha elingasoze lafezeka, kodwa emva kweemvula ezimandla kuleveki iphelileyo, amadama akhawuleze agcwala.
Elona dama likhulu kulommandla, Impofu, belime nje kumyinge ongaphezulwana nje ko20 pesenti, ukuze ligcwale bekumele kuqale kuphuphumele idama iChurchill.
Ngomqibelo, ibhodi yonkcenkceshelo iGamtoos ibhengeze ukuba elidama ligcwele liyaphuphumala. Ezo yaziindaba ezincumisayo kulommandla ugqugqiswa sisomiso.
Ngolwesihlanu, iAlgoa Water Supply System ikuphe imbalelwano isithi okunyuka kwezinga lwamanzi kumadama alo mmandla kubangelwe zimvula zeveki ephelileyo.
“i-Algoa Water Supply System ime ku 49,8 % emva kokusokola iminyaka emibini, kwaze oko kwachaphazela ukuhanjiswa kwamanzi kumasipala ombaxa weNelson Mandela Bay,”
“Kulonyaka uphelileyo ngelixesha amanzi ebeme ku19% ngenxa yesomiso ebesijongene naso.” Itshilo.
Isithethi seSA Weather Service kulengingqi uGarth Sampson uthe ingaba bubuyatha into yokucinga ukuba lommandla uphume ngokupheleyo kwisimiso.
“Ukukhulula imiqathango ngexesha lentlutha nokuyinyusa ngexesha lobunzima bobona bulumko. Ingaba bubuyatha into yokucinga ukuba asisoze siphinde sifikelwe sisomiso,” utshilo.
“Lamanzi angasigcina unyaka ukuya kwiminyaka emininzi emva koko sizibone siphinde sagaxeleka kwisomiso.” Utshilo uSampson.
Kodwa ke, isebe lezamanzi nogutyulo belingeka kuphi zinkcukacha zokususwa kwemiqathango yesimiso kulommandla.
Ngexesha lokupapashwa kwelinqaku besingekabuyeli kweliqonga leendaba isithethi somasipala ombaxa iNelson Mandela Bay uMthubanzi Mniki.
Umfanekiso: Idama laseKouga limpompoza amanzi okokuqala emva kweminyaka esibhozo.
Imvelaphi yomfanekiso: Gamtoos Irrigation Board