Ingaba ngubani otyikityileyo? Leyo yintsindabadala

ibhalwe nguCelani Sikhakhane

Umncedisi weKumkani uMisuzulu kaZwelithini, uSibongile Mdletshe uyaziphikisa izityholo zekumkani ukuba utyikityo lwakhe lusetyenziswe ngokungekho mthethweni ukuphelisa ulawulo losihlalo weIngonyama Trust. 

UMdletshe, nowaziwa ngoMaMdletshe, kutyholwa ngelithi wathumela incwadana enamaphepha amabini ekhuthaza ukugxothwa kosihlalo weIngonyama Trust, inkosi uThanduyise Mzimela, kwiofisi yenkulubaphathiswa yephondo laKwaZulu Natal.

Kodwa ngoMvulo ikumkani iyiphikile loncwadana isithi utyikityo lwayo lusetyenziswe ngomgunyathi. 

Kukho izityholo ezithi lo kaMdletshe edibene noosopolitiki abathile kwakunye noosomashishini bazama ukufuma iimali zeIngonyama Trust, yilonto kuthunyelwe lencwadi. 

Xa ezithethelela lo kaMdletshe uzothukile ezizityholo.

“Ndiyile kwikumkani ngolwesihlanu ndiyomtyikityisa lencwadi. Yilonto endiyaziyo, ndiyozothuka ezizityholo ndityabekwa zona.” utshilo.

“Masiyeke umthetho udlale indawo yawo.”

Isithethi sekumkani Inkosana uAfrika Zulu naye uziphikile izityholo zikaMdletshe.

Uthe ngolwasuku athi uMdletshe wayotyikityisa ikumkani lamaphepha, ikumkani yayokucitha ixesha nekumkanikazi uNtokozo kaMayisela. Inkosana uAfrika uthe uMdletshe kumele abanjelwe ubuqhetseba.

“Iintetho zikaMdletshe zenza ikumkani ibonakale njengomntu ongena nyani. Ikumkani imile kwintetho yayo, ayazani nalento ibhalwe kulancwadana.” Itshilo Inkosana uAfrika. 

Ngolwesibini, kuye kwavela incwadana ibhalwe ngokufanayo ithetha ngokususwa kukaMzimela njengosihlalo weIngonyama Trust. 

Lencwadi, ebonwe leliqonga leendaba iScrolla.Africa, idandalazisa utshintsho oluzayo kumphathiswa wesebe lezolimo, uThoko Didiza. Ikwachaza nenkosi uMabhudu Tembe njengozakungena endaweni kaMzimela.

Kubonakala ngathi isuka kwikumkani, Kodwa isithethi sakhe salile ukuqinisekisa ubunyani bayo. 

Umfanekiso: Ikumkani uMisuzulu kaZwelithini.

Imvelaphi yomfanekiso: Unikezelwe.