Usopolitiki waseKZN ubandakanyeka ekufeni kwetyendyana

ibhalwe nguCelani Sikhakhane

Amapolisa avule uphando emva kokubhubha kwetyendyana ebeluphantsi koqeqesho lwesipolisa, elityendyana kutyholwa ngelithi litshayiswe yimoto kaMasipala waseUlundi ngolwesine weveki ephelileyo. 

Eyona ngxubakaxa eshiya imibuzo kukuba ingaba ibiqhutywa ngubani le moto? Ngusomlomo webhunga lwalomasipala, uSenzo Buthelezi  okanye unogada wakhe? 

Kodwa usapho lukholelwa ukuba lenqwelo mafutha isube ubomi bomntwana wabo ibiqhutywa ngulo kaButhelezi. 

Umfi uThandolwethu Nkabinde ebezilolongwa kuhola wendlela uR66 kwiphondo laKwaZulu Natal ngethuba etshayiswa yimoto ngorhatya lwangolwesine. 

Umalume ka Nkabinde, uXolani Sibiya, uthe izihlobo zifumene umnxeba kunina wexhoba obone unyana wakhe ethe tywaa endleleni. 

“Ebeseteksini evela edolophini ngethuba ebona umzimba wonyana wakhe uthe tywaa endleleni, wacela umqhubi ukuba amise ukuze aqinisekise ukuba nguye nyani,” utshilo uSibiya.

“Uye wasitsalela umnxeba, sakhawuleza safika eme noziboneleyo. Oye wasixelela ukuba uThandolwethu utshayiswe yinqwelo emhlophe yakwaToyota edla ngokuqhutywa ngooceba bakwa masipala.”

USibiya uthe yena nomntakwabo, uThami, bayifumene kwiiofisi zakwaMasipala lemoto. 

Eliqonga leendaba, iScrolla.Africa lizibonele imifanekiso yemoto ekubonakala ukuba ibigaxeleke engozini. 

Bathe baxelelwe ngonogada ukuba lemoto ibiqhutywa ngulo kaButhelezi.

Ephendula kwezizityholo lo kaButhelezi uthe lengozi yenzeke emva kokuba unogada wakhe embekile ekhayeni lathe.

“Ebesendleleni eyakwamasipala eyokubeka imoto emva kokundehlisa kwam. Uye wanditsalela umnxeba esithi ugaxeleke engozini kodwa akakhange akwazi ukumisa kuba esoyika ukuhlaselwa ngabahlali.

Ngoko ke uyewazisa kwisikhululo samapolisa aseMashona ukuya kuchaza lengozi. Kodwa Uye waxelelwa ukuba makayozichaza kwisikhululo saseMagudwini, wenza njalo. Ze emva koko wayobeka imoto kwamasipala.” Utshilo uButhelezi.

UButhelezi uthe ngesokusa uvukele kusapho lakwaNkabinde nalapho bayebancokola ngamalungiselelo omngcwabo. 

Isithethi somasipala uLundi, uCebo Buthelezi uthe: “unogada obeqhuba lemoto sele ethethile namapolisa ngokwenzekileyo. Usomlomo webhunga ayinguye obeqhuba imoto, nanjengoko kutyholwa.”

Unogada akakwazanga ukuthetha noonondaba nanjengoko uphando lusaqhuba. 

Isithethi samapolisa uColonel Robert Netshiunda uthe amapolisa aphanda ityala lokubulala ngokungena njongo. 

Oonogada ebebexelele usapho ukuba nguButhelezi obeqhuba imoto abavumanga ukuthetha neliqonga ngelithi boyika ukugrogriswa. 

Utata wexhoba, uThuba Nkabinde, uthethe neliqonga leendaba emva kwengozi.

“Sifuna ingalo yomthetho idlale indima yawo. Lo mfo ubulele iphupha likaThandolwethu lokuba lipolisa. Okona kubuhlungu kukuba emva kwengozi uye wabaleka. Siyile kwamasipala safika ikhona imoto yakhe.”

Umfanekiso: Ipolisa ebeluphantsi koqeqesho uThandolwethu Nkabinde otshayiswe yimoto wabhubha. 

Imvelaphi yomfanekiso: Unikezelwe