
ibhalwe nguAnita Dangazele
Kuvulwe uphando emva kokuba intwazana eyayiyokwenza utyando kwisibhedlele saseLivingstone eGqeberha yaphulukana nobomi bayo emva kokubola komthungo, kwaze kwavela ezinye izigulana zikhalaza ngento enye emva koqhaqho kwakwesisibhedlele sinye.
UAndiswa Vulani, 26, wangena ephile qethe ekhala nje ngesisu esibuhlungu kwesisibhedle, kodwa waphulukana nobomi bakhe kweyeSilimela kulonyaka emva kokubola komthungo wakhe.
Emva koko, kuvele nezinye izigulane zikhalaza ngokubolelwa ngumthungo emva kokutyandwa kwesisibhedlele.
UVulani wangena kwisibhedle saseLivingstone ngomhla wama22 kweyoKwindla ekhalaza ngesisu esibuhlungu. Oogqirha bafumanisa ukuba lentwazana inesifo seAppendicitis nalapho wenziwa utyando.
Wahlala esibhedlele inyanga yonke, ngalo lonke eloxesha umthungo wakhe waya ubola ngakumbi.
Lentwazana yakhululwa kwesisibhedlele injalo, yade yabe inabela uqaqaqa emva kweenyanga ezine enyamezele iintlungu.
Kodwa uAndiswa akayedwa kule ntlungu.
UTyler Orien oneminyaka elishumi elinesibhozo, ngomnye wazigulane ezenziwa utyando kwesisibhedlele. Naye wangena ekhala ngesisu waphuma sele engaboni kakuhle, ebolelwe ngumthungo kwaye enaso nesifo sephepha.
Kungoku nje umama wakhe, uNatasha Orien, kwanyanzeleka ukuba adlale indawo yokubangumongikazi kanyana wakhe.
Ezizikhalazo zinyanzelise ikomishoni yamalungelo abantu ukuba ivuke uphando.
Umanejala walekomishoni eMpuma Kapa, uGqr. Eileen Carter uthe zifikile izikhalazo kubo, baze bathabatha isigqibo sokwenza uphando olunzulu ngalenyewe.
“Le nyewe izokulandelelwa ngokwedlela evunyiweyo yokuphonononga izikhalazo, oku kuquka nokuthethathethana nesebe lezempilo ephondweni, “ utshilo.
Omnye wabantu abafake izikhalazo nguRudi Lohmann, owangena eLivingstone eyokutyandwa iAppendix – kodwa waphuma eqhutywa ngesitulo samavili ebole umthungo.
“Uhambo lwam luqale kwiminyaka emithathu eyadlulayo,” utshilo uLohmann.
“Ndandiphangela ngaphandle kakhulu, suke ndaphathwa ziintlungu ezinganyamezelekilyo emqolo.”
“Ndathi ndakufumana iziphumo zeCT scan. Oogqirha babona ukuba ndine Appendix. Ndathunyelwa kwingcaphephe.”
ULohmann uthi ingcapheohe kunye noogqirha baseLivingstone bavumelana ukuba kufuneka enziwe utyando.
“Ndabuyela ekhaya emva kotyando, kwadlula iiveki zambini ndathi xa ndizobuyela emsebenzini, wavele watshintsha umbala umthungo wam, watyheli. Ndehla nasemzimbeni sele kungangeni nokutya oku.”
Lo ka Lohmann uthi wazama ukubuyela emsebenzini kodwa umqeshi wamthumela kwagqirha.
Emva koko wavuka esibhedlele emva kweentsuku ezintathu sele engazazi ukuba ufike njani.
“Xa kunamhlanje nditya iipilisi zesitshisa yonke imihla le,”
Isithethi sesebe lezempilo eMpuma Kapa uSizwe Kupelo uthe “ngenzeka ukuba isigulane sibolelwe ngumthungo,”
“Kodwa siqhelile ukweza oluhlobo lotyando ngaphandle kwamagingxigingxi nakubola kwemithungo,”
“Tyala ngalinye lifuna ukuphandwa, liqondwe ngokwemeko zalo.”
UKupelo uthe akakwazi ukudiza ezinye iinkcukacha ngezinye izigulane.
IMVELAPHI YOMFANEKISO: IKHASI LIKA FACEBOOK