
Ngu Anita Dangazele
Izenzo zokuxhatshazwa kwabantwana ziya zisiba yinto eqhelekileyo kwilali yaseMgababa eNgqushwa kwiphondo leMpuma Kapa.
Sele kuphele iiveki abahlali bothuswe sisiganeko sokufumanisa inkwenkwana eneminyaka esibhozo ibotshwe ngamatsheyini kwaye idlwengulwe nguyise ekhayeni layo, kungoku nje kufunyenwe intombazanana idlwengulwe yashiywa ukuba izifele.
NgeCawa iqumrhu lokhuseleko lasekuhlaleni icommunity Policing forum ibizelwe kwikhaya lentombazana eneminyaka emihlanu ekukholelwa ukuba uqhathwe ngamadoda amabini ukuba makaphume ekhayeni lakhe aze amdlwengula.
NgeCawa ikhaya lalentombazanana belisingethe umcimbi wesintu omncinane owaziwa “ngebhekile yekhaya” obuzinyaswe ngabantu abambalwa balapha ekuhlaleni.
Kuthe ngoku abantu abadala bexakekile nabantwana bedlala phandle, indoda ethile ebizimase lomcimbi ityholwa ngokuba
Ngokutsho kwenkokheli yaseKuhlaleni uNobulali Fulani, umrhanelwa ubize nomhlobo wakhe ohlala kwilali engaphesheya iPrudhoe ukuba abe yinxalenye yesisenzo simanyukunyezi.
“Umrhanelwa usixelele ukuba uthathe lomntwana wamsa kumlambo owehlukanisa ezilali zimbini. Emva koko bamdlwengule betshintshana ngaye.
“Uphinde wasixelela ukuba baqale bamntywilisela emanzini ngaphambi kokuba bamshiye kumahlahla akufutshane, becinga ukuba ufile,” uFulani uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.
Noxa kunjalo, lentombazanana ineminyaka emihlanu ikwazile ukuphinda ibuyele ezingqondweni kwaye yakwazi ukuhamba yayokufika ekhayeni layo.
“Luthe lusakhathazekile usapho, lentombazana incinane yafika ikwimeko engaginyisi mathe. Kulapho usapho luthumele ukuba kubizwe iCPF. Ukwazile ukusixelela ukuba ngubani omthathileyo,” utshilo uFulani.
Eliqumrhu lokhuseleko khange lichithe xesha ekufuneni abarhanelwa.
“Abarhanelwa bahlala ePrudhoe. Sikwazile ukuqhakamshelana nequmrhu lokhuseleko kulalali. Bababamba ngaphambi kokuba sifike.”
UFulani wongeze ngelithi abarhanelwa bavumile ukuba bayidlwengule lentombazanana emva koko bayilahla etyholweni elikufutshane nomlambo.
Abarhanelwa babanjiwe kwaye kulindeleke ukuba bavele phambi kwenkundla kamantyi eNgqushwa ngoLwesithathu .
Ngomvulo abahlali basePrudhoe naseMgababa bebebambe intlanganiso bezama amaqhinga okuba bazakuqubisana njani neziganeko ezinyukayo zokuxhatshazwa kwabantwana.
“Eyona nto iphambili kukuba sisebenzisane ukufumana ingxaki neemgcambu zayo kwaye siqiniseke ukuba bayasuswa ekuhlaleni abantu abayingxaki. Okwesibini kufuneka sifumane indlela yokoluleka abantwana bethu ukuba bangabenzi intlekisa abanye abantwana abangamaxhoba esikolweni nangona kungazuba lula,” utshilo uFulani.
Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uqinisekisile ukuba abarhanelwa ababini abaneminyaka engamashumi amabini ananye kunye nonamashumi amathathu anesibhozo babanjelwe ityala kokudkwengula.
“Icandelo elijongene nobundlobongela basemakhaya, ukhuseleko lwabantwana kunye namatyala amalunga nolwaphulo mthetho lokudlwengula liphanda ityala lokudlwengula, ukubetha ngenjongo zokonzakalisa kunye nokuthumba,” uqinisekisile uNaidu.
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter lenkonzo yesipolisa.