Umbutho weANC uyaqhuba nokuzithandisa kwiKumkani yaKwaZulu

Ngu Zukile Majova

Urhulumente weANC KwaZulu-Natal uyaqhuba nokuzithengisa kwikumkani yesizwe saKwaZulu uMisuzulu kaZwelithini. Kwelityeli ubonakalise oku ngokumthengela umgrugra wesithuthi esiphezulu iRange Rover.  

Njengoko sezikhalile iintsimbi, ixabiso elibekwa kwesisithuthi sodidi oluphezulu olufanele ikumkani, liqikelelwa kuR5 million.  

Ikumkani yaKwaZulu ebandakanyeka kwingxabano nomseki weqela leIFP uMangosuthu Buthelezi, ingumntu onefuthe elikhuu kubukumkani bakhe obunabantu abangaphezulu kwe15 million, kwaye angalilungu elinamandla kakhulu elinokusebenzisana nombutho weANC kwelona xesha lobunzima kweliqela lijamelene nephulo elinzima lokugaya inkxaso, kulungiselelwa unyulo. 

Kungoku nje umbutho weANC uphulukene kwaphela nolawulo lommandla okumantla ephondo laseKZN, apho umbutho weIFP ulawula oomasipala abangamashumi amabini anethoba.  

Ubukhulu becala, ukuvuka kombutho weIFP L uphenjelelwe bubudlwane obubanzi obakhiwa nguButhelezi kunye neKumkani yamaZulu ngethuba umbutho weANC wawubhebhetha ungafuni ukuphehlelela ilungelo lakhe lokuzalwa ukuba abeyindlalifa kubukumkani bakwaZulu.  

Kwinyanga ezimbalwa ezidlulileyo umbutho weANC ubhengeze esidlangalaleni ukuba ukulungisa ubudlelwane neKumkani yenye yenzame zawo eziphambili ukuze iphinde ifumane ilawulo lwelaphondo.  

Isihlalo esiphambili sombutho weIFP, ngokuxhaswa ngumbutho weDA kwindawo zasezidolophini kulinciphise nangakumbi inani labavoti bombutho weANC layokutsho ngaphansti komyinge ka50% nakumasipala ombaxa waseThekwini. 

Ayakhula nangakumbi ngoku amathuba okuba amaphondo aseKZN naseRhawutini angalawula yindibanisela yemibutho ephikisayo emva konyulo luka wonke wonke lonyaka ka2024.  

Yilonto kanye inkulu baphathiswa yephondo laseKZN uNomusa Dube-Ncube esipha ikumkani isipho esifana “nesithuthi esisemthethweni” esithunyelwe kwikhaya likamama wakhe ongasekhoyo  eBhotwe kwaKhangelamankengane kwaNongoma.  

UDube-Ncube uphe uMisuzulu imoto ekudidi oluphezulu yonyaka ka2023 iRange Rover P530 HSE emnyama, exabisa phakathi kwe R3 million ne R5 million, ngokokutsho komnatha weLand Rover yoMzantsi Afrika.  

UDube-Ncube uthe ebebambe intlanganiso nekumkani ukuxoxa ngemiba ebalulekileyo yelaphondo, kunye nokunikezela ngesisithuthi sisemthethweni.  

Isithethi sikakumkani uMisuzulu uPrince Simphiwe Zulu khange afumaneke ukuphawula.  

Umbutho weANC neIFP kulindeleke ukuba ikhuphisane kunyulo lovalo zikhewu oluzakuqhuba kwimimandla eyohlukekenyo kwiphondo laseKZN ngoLwesithathu.  

Umfanekiso ongasentla: Inkulu baphathiswa yephondo laseKZN uNomusa Dube Ncube enikezela ngesithuthi esisemthethweni sekumkani kohloniphekileyo uMisuzulu kaZwelithini. 

Imvekaphi yomfanekiso: Uthunyelwe