
Ngu Razeen Gutta
UMike Lukhubene, owayesaya kuba ngumqeqeshu weChippa United kunye neRoyala AM, udutyukwe wabulawa kukhuphiswano lweCoke Cup eKhayelitsha eKapa ngeCawa.
Iingxelo zithi esisiganeko senzeke malunga nentsimbi yesithandathu ngorhatya, ngaphambi kwabadlali nababukeli.
Nangona iinkcukacha zesisiganeko zingekacaci, ziingxelo eziliqela ezikuqinisekisileyo ukubulawa kuka Lukhubene kunye nomnye umqeqeshi ekulindeleke ukuba afaniswe.
Iqumrhu elongamele ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika iSafa, eKapa ikhuohe imbalelwano icela ukuba amapolisa makanikwe ithuba lokuba aphandle ngesisiganeko.
“ISafa eKapa isithathela ingqalelo isiganeko esenzeke emva kokuqukunjelwa komdlalo eSite C eLingelethu ngeCawa kumdlalo weCoca-Cola Cup eKapa,” itshilo imbalelwano.
“Umongameli, isigqeba kunye nekomiti yesigqeba sengingqi bonke bazisiwe ngenguqu zakutsha nje kwaye bazakuhlala besaziswa ngenguqu ezenzekayo ngalo lonke ixesha kukhona ingxelo ezintsha ezisuka kwinkonzo yesipolisa namasebe omthetho asekuhlaleni.
“Kubalulekile ukuqaphela ukuba okwangoku, kukholelwa ukuba esisiganeko asidibananga nebhola ekhatywayo kwaye abathathinxaxheba abafanelekileyo kufuneka banikwe ithuba baphande lemeko ngokupheleleyo.
“Siyacela abathandi bebhola ekhatywayo bangadizi zinkcukacha malunga nesisiganeko, kuquka iingxelo zabazibonele ngamehlo, okanye imifanekiso, kuhlonitshwe iintsapho ezibandakanyekayo kunye nophando oluqhubayo.”
Umfanekiso ongasentla: UMike Lukhubene
Imvelaphi yomfanekiso: @santosmwine