
Ngu Zukile Majova
Xa ujonga nje, kukhangeleka ngathi owayesakuba yinkulu baphathiswa eFree State u-Ace Magashule uqhwalelela ngasekupheleni kwesakhono sakhe kwezopolitiko.
Ixhoba lamva nje likamongameli uCyril Ramaphosa kwidabi lokulumka kwakhe elichasene nabathembekileyo balowo wayesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma.
Kodwa eneneni, usengaba yingxaki enkulu kumbutho weANC.
Umbuzo omkhulu ngowokuba: ingaba uzakuzibandakanya neliphi na iqela?
Umbutho we-EFF ngowona kunokwenzeka azimanye nawo – ukuba uJulius Malema angakwazi ukufumana uMagashule, oku kunganika iqela lakhe amandla amakhulu.
Yonke le nto imalunga nephondo laseFree State.
Ade abe uyagxothwa kwiANC, iFree State ibiqinisekisiwe ukuba izakuhlala iphantsi kolawulo lwe-ANC emva konyulo lukazwelonke luka2024.
Ukuba uMagashule uzimanya nomnye umbutho, kuzakubakhona umngcipheko wokwenene wokuba ukugxothwa kwakhe kwiANC kuzakukwenza ilahleko kwiANC ngexesha lovoto.
Okungenani, inganyanzeleka i-ANC ukuba ilawule ngentsebenziswano yembumba yamaqela phikisayo.
Sele uqalile umbutho weANC ukulahlekelwa ziivoti kwela phondo.
I-ANC iphumelele iFree State ngeevoti ezikumyinge wamashumi amathandathu anesibini eepesenti ngonyaka ka2019 ngenxa yodumo lukaMagashule.
Unikezelo lweenkonzo olungekho mgangathweni koomasipala abakhokelwa yi-ANC eFree State lwehlise iivoti ze-ANC zayakutsho ku50.6% kunyulo loorhulumente basemakhaya ngenyanga yeNkanga kunyaka ka2021.
Oku kuthetha ukuba amaqela aphikisayo afumene iivoti ezingaphezulu kwamashumi amane anethoba eepesenti kwelaphondo kwaye ukuthenjwa kombutho weANC luluntu kuya kuncipha nangakumbi ekuhlaleni.
Ingxelo yamva nje yomphicothi-zincwadi ibonisa ukuba akukho nelinye ibhunga eliphantsi kweANC kwelaphondo elifumene uphicotho olungenachaphaza.
UMagashule waziwa njengosondeleyo kakhulu kulowo wayesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma, ongumxhasi omkhulu kaJulius Malema we-EFF.
Isithethi sikaZuma uJimmy Manyi kutshanje uzibandakanye ne-EFF, yatsho yamenza ilungu lePalamente kwiveki ephelileyo.
Kutshanje iEFF ikhuphe ushicilelo lomboniso kaMagashule ehleli kamnandi neenkokheli zeEFF ngexesha ibibhiyozela isikhumbuzo sosuku lomqulu wayo wenkululeko.
I-EFF iyayazi impembelelo kaMagashule eFree State kwaye iyayazi ukuba kutsha nje
Inkomfa yonyulo yeANC ngeyoMnga ka2022, amanye amasebe eANC eFree State atyumba uMagashule ukuba angenele ugqatso kwisikhundla sokuba ngumongameli weANC.
Amalungu eANC asaqhubeka nokumxhasa ngethuba ebevele kwinkundla ephakamileyo eBloemfontein apho atyholwa ngobuqhetseba, urhwaphilizo, ukuxhaphaza imali kunye nokwaphula umthetho olawula imali karhulumente.
I-EFF ngumbutho onomyinge weevoti ezilishumi elinesibini lepesenti kwiphondo laseFree State, kodwa ukuba unokufumana uMagashule kwizihlalo zawo, inkxaso yawo ingakhula ifundise umbutho weANC isifundo njengoko kujongwe kunyulo lukazwelonke kunyaka ozayo.
Umfanekiso ongasentla: Inkokheli yombutho weANC egxothiweyo u-Ace Magashule ucinga ngenyathelo lakhe elilandelayo
Umthombo: @Magashule_Ace