
Ngu Celani Sikhakhane
Iinkokheli zomthonyama eNkandla zifuna isebe lezemfundo lephondo laKwaZulu-Natal lihlenga hlengise isigqibo salo sokuvala izikolo zasemaphandleni ezibonakalisa ukuhla kwenani labantwana.
Isebe lenza isibhengezo ngenyanga kaTshazimpuzi kulonyaka ukuba lizakuvala izikolo ezifikele kumakhulu alithoba kuba azisakwazi kuhlaziyeka ngenxa yokuhla kwenani labantwana abafunda kwezizikolo ngenxa yabazali abafuduka nabantwana babo bayohlala kwiindawo zasezidolophini.
Oku kubangela inkxalabo kwiinkosi zemveli zaseNkandla ezigxeka esisigqibo.
Induna uFikile Magazu Nhlebela uthe eyona nto iyingxaki kukuba urhulumente ufuna ukusa abantwana kwizikolo ezikude, ekunzima ukufikelela kuzo ingakumbi ehlotyeni bukhulu ubungozi ngenxa yemilambo kunye nebhulorho ezophukileyo.
“Inkxalabo enkulu kukuba isebe lezemfundo zange lithetha thethane nathi kwindawo zethu xabefikelela lwesisigqibo. Kwilali yam isikolo iSenzela High sizakuvalwa. Abantwana bazakusiwa kwisikolo ekungafikeleleki lula kuso, ingakumbi ehlotyeni ngexesha leemvula.
“Uninzi lwabahlali kwingingqi yam abasebenzi kwaye bazakunyanzeleka ukuba bafunele abantwana babo indawo ekufutshane nesikolo abazakuhlala behlawula kuyo. Bazakuhlawula njani bexhomekeke kwimali yesibonelelo sikarhulumente? Sifuna urhulumente asiphicothe kwakhona esisigqibo,” utshilo uMagazu Nhlebela.
Ezinye iinkokheli zemveli eNkandla kukholeleka ukuba ziyazivalela izithuthi zabantwana ukuba zithathe abafundi besuka kwenye indawo zibasa kwenye, kwilinge lokuzama ukuqinisekisa ukuba akukho sikolo sizakuvalwa ngenxa yokuhla kwezinga lokwamkelwa kwabantwana ezikolweni.
Imibutho ephikisayo eKZN ikhala ngelithi izakhiwo zezikolo zizakujika zibeyindawo yolwaphulo mthetho ukuba ezizikolo ziyavalwa.
Ngenyanga yoMdumba umphathiswa wesebe lezemfundo uMbali Frazer wabhengeza ukuba abazali abaninzi bathatha abantwana babo babase kwizikolo zasedolophini, abakholelwa ukuba zipaselwa ngcono.
Wathi nangona bezama ukuphucula umgangatho wezikolo zasemaphandleni ngezakhiwo ezikumgangatho ophezulu, liya lisihla inani labantwana abamkelwayo kwezizikolo.
Umfanekiso ongasentla: Iinkokheli zomthonyama zikhathazekile kukuvalwa kwezikolo zingamakhulu alutho lisebe lezemfundo eKZN