
Ngu Celani Sikhakhane
Uphila ngoloyiko usomashishini waseMpumalanga uJacob Mnisi otyholwa ngokubamba ngobhongwana uKumkani uMisizulu kaZwelithini, ngenjongo zokufumana iimpepha mvume zokomba imigodi ekumhlaba weIngonyama Trust.
Oku kuza emva kwezityholo zokuba iingcaphephe ethetha gabalala yezomculo, yephondo laKwaZulu-Natal iphehlele iphulo imemelela isizwe saKwaZulu ukuba sibambane kwaye sihlasele uMnisi ngendlela ezohlukeneyo ukuze kubhange izicwagciso zakhe zokuthatha umhlaba we-Ingonyama Trust.
UMnisi ujike walutshaba oluphambili lwesizwe saKwaZulu, ngenxa yenkulu baphathiswa yemicimbi yemveli uPrince Mangosuthu Buthelezi emva kokuba uButhelezi etyhole ngelithi uMnisi ulawula iKumkani.
UMnisi uvule ityala lokujongelwa phantsi kwisikhululo samapolisa eMalahleni Central Police Station ngaku Professor Musa Xulu weqela Indonda YeSizwe Cultural Group.
Utyhola uXulu ngokuququzelela ukuhlaselwa kwakhe (zintsizwa zaKwaZulu) ngokuzama ukulawula umhlaba wesizwe samaZulu esebenzisa Ingonyama Trust ukuze afumane ilungelo lokomba kulomhlaba.
“Oku kusemva kokuba ndifumene izigrogriso ngobomi bam eziphehlelelwe zasabalaliswa ngu Musa Xulu esebenzisa amakhasi ohlukeneyo eqonga likaWhatsApp, kuquka nekhasi lika WhatsApp leqela lakhe elinabalandeli abangaphezu kwamakhulu amabini anamashumi amahlanu, apho kukhona namabutho,” utshilo uMnisi.
Ubhengeze ukuba uXulu ufuna ahlaselwe kwaye ubanga ngelithi weba umhlaba wesizwe sakwaZulu.
Uthe woyika nokuba uphi kwilizwe loMzantsi Afrika kuba angabulawa ngabantu baKwaZulu.
Iqonga leendaba iScrolla.Africa liyibonile imiyalezo ethunyelwe nguXulu.
UXulu uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba baxoxa kabanzi ngoMnisi kwiqela lakhe Indoda YeSizwe.
“UMnisi uyasidelela isizwe saKwaZulu. Utsho esidlangaleleni esithi singamavila. Yilonto sihlupheka kodwa sinomhlaba omkhulu. Uphinde wathi singabantu abacalula ngokwelwimi. Singabantu baKwaZulu siyabamkela kakhulu abantu, kodwa walinga waphatha umhlaba wethu uqalise impi nathi.
“Yilonto eyenziwe nguMnisi. Uzama ukulawula Ingonyama Trust ngokuphembelela ukuba otshomi bakhe bakhokhele lebhodi ukuze afumane indlela yokomba izimbiwa kwimigodi yethu nomhlaba wethu,” utshilo uXulu.
Uthe nokuba angabanjwa akanangxaki kuba abantu baKwaZulu bangenza nantoni na ukukhusela umhlaba wabo, nokuba oko kuthetha ukuba mabafe.
UMnisi uyahlaselwa oko uMisuzulu eqalise ukwenza utshintsho kwibhodi ye-Ingonyama Trust.
Utyholwa nguButhelezi ngokungqonga iKumkani ngamanina adlala indima yokuvala uKumkani angathethi nabantu.
Ngethuba kuqhuba umthandazo wenkonzo yamaWesile e-Ulundi kwisakhiwo esidala sendluyowiso mthetho, uButhelezi uxelele amakholwa ukuba kukhona owasetyhini ogama linguMaNdwandwe ongafuni kwamntu osondela kuKumkani engakhange adlule kuye kuqala.
Utyhola ngelithi uMaNdwandwe ubekwe nguMnisi.
Isithethi samapolisa aseMpumalanga uColonel Donald Mdluli uthe akakwazi kuphawula kuba udinga ukuqale ajonge kakuhle ityala elilivuliweyo nokuba uphando luhamba njani kuqala.
Umfanekiso ongasentla: Usomashishini waseMpumalanga uJacob Mnisi
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaFacebook