UTovey ukhumbula intlanganiso yakhe yokuqala noBarker

Ngu Michael Madyirha

UKapteni we qela leBafana Bafana elaphumelela indebe yeAfrica Cup of Nations ngonyaka ka1996 uNeil Tovey ukhumbula ukuqala kwakhe ukudibana nomqeqeshi uphumeizandla uClive Barker. 

Esisibini sasiqale sasebenza kunye kwiqela iDurban City kunye nAmaZulu ngeminyaka yo 1980 ngaphambi kokuba sidibane kwakhona kwiqela leBafana BAfana. 

Lo wayesaya kuba ngusommaqhinga womqeqeshi weqela loMzantsi Afrika uBaker usweleke ngoMgqibelo njengoko ubequbisana nesifo sengqondo iLewy body dementia. 

Wathi xa uBarker ethatha intambo njengomqeqeshi weqela leBafana Bafana ngonyaka ka1994, uTovey wayesusiwe kwesikhundla sokuba nguKapteni weqela lesizwe ngenxa yezityholo zokungakawuleki.  

Kodwa lowayesaya kuba ngumqeqeshi, waphinda wambuyisela kwesisikhundla lowayesaya kuba ngumdlali weKaizer Chiefs, ethatha intambo kuSteve Kompela owayebekwe wabangu Kapteni.  

“Wathi akuba ngumqeqeshi , sahlala phantsi saxoxa ndathi kuye, ‘mqeqeshi unesakhono esikhethekileyo kwaye yilonto kanye edingwa liqela ngalommzuzu,” uTovey uxelele iqonga lendaba iScrolla.AFrica. 

“Iqela lalidinga umntu ozakufika aphefumle ubomi obutsha enkampini, umntu owayezakuxhasa abadlali abenze bonwabe. leyo yingxoxo esabanayo ukuqala kwethu [ukusbenza kunye kwakhona]. 

“Ndandingazi ukuba ndinaso isakhono, eneneni ndandisazi ukuba andinaso isakhono kodwa wayefuna ingxoxo ibemaliunga nokwenza abadlali bazive bamkelekile enkampini, kwaye bazingce ngikudlalela iqela lesizwe.” 

Esisibini sahamba sikhokhele iqela leBafana Bafana laphumelela indebe ye Afcon ngonyaka ka1996 emva kokubetha ilizwe laseTunisia kumdlao wamagqibela kankqoyi.  

UTovey ukhumbula isakhono sikaBarker esamenza ukuba abe ngoyena mqeqeshi uphumeleleyo kwilizwe loMzantsi Afrika, waphinda wakwazi ukukhokhela eli libe yinxalenye yamazwe azakudlala kwindebe yehlabathi yeFifa okokuqala.  

“Waye ngumntu othanda abadlali,” utshilo uTovey. 

“Kuye yonke into yayingabadlali kwaye efuna ukuqinisekisa ukuba bonwabile kwindawo abadlala kuyo. Yilonto yayimenza aphumelele nangakumbi.” 

“Kwakusoloko kululonwabo ukuya enkampini kwaye sasisonwaba. Yayingeyondawo yokudlala apho wawuziva ungakhululekanga kuba wonke umntu wayeyazi indima yakhe. 

“UClive wayeqinisekisa ukuba wonke umdlali udlala ngamandla akhe apheleleyo kwaye zange wasicela ukuba sidlale ngendlela eyohlukileyo. Ngaphandle kwamathandabuzo ukuba unosapho olonwabileyo, uyaphumelela.” 

Nangona uBarker wayincedayo iBafana Bafana ukuba ingene kwimidlao yendebe yehlabathi ngonyaka ka1998, zange ahambe nalo iqela ukuya eFrance.  

Umfanekiso ongasentla: Lowo ubesaya kubangumqeqeshi weBafana Bafana uClive Barker 

Imvelaphi yomfanekiso: Safa