
Ngu Celani Sikhakhane
Ukumkani uMisuzulu kaZwelithini akabonwa kwaye inkulubaphathiswa yemicimbi yemveli ayimazi apho ahlala khona, kuba akasahlali kwikhaya lakhe ebhotwe.
Inkulubaphathiswa yemveli kwisizwe saKwaZuku, uPrince Mangosuthu Buthelezi, ubhenele kuluntu ememelela ukuba iKumkani ibuyele ekhaya. Kwiveki ephelileyo eLundi uButhelezi uvakalise inkxalabo malunga nokhuseleko lwekumkani kunye nokungamazi kwakhe ukuba uphi.
“Ndixelelwa ukuba ngoku iKumkani ihkaka eballito kumantla eTheku. ndiyamcela ukuba abuyele ekhaya kuba akasahlali ekhayeni lakhe,” utshilo uButhelezi.
Kumthandazo wenkonzo yemaWesile, uthe amabntu abangqonge ikumkani uMisuzulu babangela umgcioheko kuyo.
kodwa imithoombo ethembekileyo ithi uKumkani uMisuzulu iqeshe iVilla eZimbali eBallito, apho ukhuseleko likwinqanaba eliphezulu. Nabani na umntu ofuna ukuthetha neKumkani ufumana iCode ethile kwikumkani.
Kungekudala emva kokungena kwesisihlalo, ibhotwe yaseUlundi eyayi yimdlu yombuso isetyenziswa yinkulunaphathiswa yaseKZN yaphuculwa umgangatho ilungiselelwa ukusetyenziswa nguKumkani uMisuzulu lunye nenye ipalace esePongola.
Ngomgqibelo inkukubaphathiswa yephondo laKwaZulu-Natal uNomusa Dube-Ncube ufumene ikukani ihleli komkhulu kwikhaya lika mama wakhe Kwakhangelamankengane kwaNongoma.
UDube-Ncube ubeyekupha uKumkani uMisuzulu kaZwelithini imoto ekkudidi oluphezulu iRange Rover emnyama iP530 HSE, exabisa izigidi ezintathu ukuya kwezintlanu, ngokokutsho komnatha weLand Rover yoMzantsi Afrika.
UDube-Ncube uthe udibene nekumkani ukuqulunqa imba ebalulekileyo yephondo kunye nokunikezela esisithuthi ngokusemthethweni.
isithethi sikaKumkani uMisuzulu asifumanekanga ukuphawula.
Umfanekiso ongasemtla: Inkulubaphathiswa yephondo laKwaZulu Natal uNomusa Dube-Ncube unikezele ngesithuthi esiphambile iRange Rover kuKumkani uMisuzulu kaZwelilithini kutyelelo lwakhe kwaKhangelamankengane Royal Palace kwaNongoma mgoMgqibelo
Imvelaphi yomfaneiso: Uthunyelwe