Kukhuthazwa ootata ukuba bazibandakanye kubomi babantwana babo 

Ngu Buziwe Nocuze

UMthunzi Qhagana, ongumseki wombutho Izenzo Dadcare kwilokishi yaseKhayelitsha eKapa, ukwiphulo lokukhuthaza ootata ukuba baguqule iindlela zabo kwaye bathathe inxaxheba ngokubonakalayo kubomi babantwana babo. 

Emva kokufumana ubunzima bokukhula engenatata, uMthunzi Qhagana uye waseka lo mbutho ngonyaka ka2018, ngeenjongo zokukhanyisela ootata ngeziphumo zokungabikho kwabo kubomi babantwanna babo. 

“Ukukhula ngaphandle kotata kwandibangela iingxaki ezininzi. Ndaphela ndihlala ezitalatweni kuba ndandingenamntu wokundikhokela. Ndandirhalela ubukho bukatata, kodwa wayengekho. Wayehlala eGoli,” utshilo uQhagana. 

Umbutho wakhe uqeqesha ootata kwizakhono zokukhulisa abantwana kwaye ubancede ukuba babandakanyeke kubomi babantwana babo, yindawo ekhuselekileyo yokukhula kunye nokunxibelelana. “Asiqeqeshi ootata kuphela kodwa namakhwenkwe aselula malunga nempilo yengqondo, iingozi zobundlobongela, ukuthintela ukuzibulala kunye nendlela zokuba ziinkokeli ezilungileyo.” 

Ekhuthazwe ngamava akhe, uQhagana waqalisa iphulo lokugxininisa ukuba ukuthumela imali ekhaya kunye nempahla kuphela akonelanga. 

“Ndichithe iminyaka emithandathu ndingumntwana ohlala esitalatweni ngenxa yokungabikho kukatata ebomini bam. Ootata kufuneka bathathe inxaxheba kubomi babantwana babo; ukuzimasa imisitho yabo yezemidlalo okanye nayiphi na imisebenzi yesikolo yeyona nto ibalulekileyo,” utshilo uQhagana. 

Babizwa “ngootata be-ATM”, aba ngootata abathumela nje imali yokukhulisa abantwana babo kodwa basilele ukuzalisekisa iiminqweno yeemvakalelo nezidingo zokukhula ezenziwe ngutata okhoyo kubomi bontwana wakhe. 

“Sibonelela ngendawo ekhuselekileyo yokuba amadoda abelane ngamava awo, kwaye lo gama sikhuthaza ootata abangazibandakanyiyo ukuba babekhona kubomi babantwana, sikwabonelela ngezakhono zobuzali kwabo banqwenela ukuphucula ukubandakanyeka kwabo kubomi babantwana babo. Sihlahla umkhombandlela ngendlela zokusingatha iimeko ezahlukeneyo.” 

Lo mbutho uyabahlonipha ootata abeze ngaphambili bezimasa amaphulo awo. 

“Sikwenza oku ukubanceda nokusindisa abafana abancinci ekwenzeni izigqibo ezigwenxa kuba bafuna amanani ootata ebomini babo.” 

“Sijonge ukunceda amadoda ukuba aphucule indlela yawo kunye nesimo sengqondo ngokobuzali, ukuze abantwana babo babe ziinkokeli eziqaqambileyo zexesha elizayo.” 

Ukongeza ekusebenzeni nootata, lombutho ukwaququzelela iiseshoni kunye namakhwenkwe aphakathi kweminyaka esibhozo kunye neshumi elonesibhozo ubudala, unciphisa iqela ngalinye kubathathi-nxaxheba abangamashumi amabini. 

“Abanye abantwana baye babe ndlongondlongo okanye baziphathe gwenxa kuba befuna ukuba notata ebomini babo, kodwa sihlala sibacebisa ngokubaluleka kokuba yindoda elungileyo nendlela yokuziphatha,” wongeze watsho uQhagana. 

Ukholelwa ukuba ukuthetha namakhwenkwe aselula ngeengxaki zentsapho kuzakuwathintela ekubeni abe ngootata abangazibandakanyiyo akukhula. 

“Sikwathetha nabo ngeengozi zobundlobongela ezinokuthi ngamanye amaxesha zibangelwe kukuba nomsindo ngenxa yokungabikho kotata ebomini babo.” 

Ngokusebenzisa lendlela kabanzi, Izenzo Dadcare zijonge ukophula isolontya lootata abangazibandakanyiyo kubomi babantwana, kwaye ixhobise amadoda ukuba abe ngabathathi-nxaxheba abakhutheleyo kubomi babantwana babo, aqinisekise ikamva eliqaqambileyo lesizukulwana esilandelayo. 

UDumisani Ntshika naye uvakalisa uluvo lukaQhagana, esithi ubone iinguqu ezimangalisayo kumakhwenkwe athe afumana abantu abayimizekelo emihle yamadoda. 

“Ndiyawazi amakhwenkwe amaninzi awayekhe abandakanyeka kwizinto ezingalunganga, kodwa emva kokufumana imizekelo emihle yamadoda ebomini babo, azitshintshe ngokupheleleyo iindlela zawo. Soze siphikise kuba ootata abangekhoyo kwimpilo zabantwana babo badlala indima enkulu kwikamva labantwana babo,” utshilo uNtshika.   

Uhlala enethemba lokuba ootata abajikele abantwana babo bayakufumana isibindi sokulungisa bafezekise uxanduva lwabo lobuzali babe ngootata kubantwana babo. 

Umfanekiso ongasentla: uMthunzi Qhagana ongumseki weIzenzo Dadcare, ekhokele indibano emalunga nezakhono zobutata kwanokufundisa amakhwenkwe asakhulayo kwilokishi yaseKhayelitsha eKapa. 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe