
Ngu Songeziwe Mapuakata
Oosomashishini baseMthatha banikezele ngezinxibo zokukhusela imbumbulu kunye nezinxibo zezandla kumalungu equmrhu elilwa ulwaphulo mthetho eliziphehlele kutsha nje kwisakhiwo iMunitata lijonge ukususa neengcambu ulwaphulomthetho kwinkaba yaledolophu.
Amalungu eliqela livumelekile ukuba limise abantu ligqogqe kwaye athathe nasiphi na isikhali abasiphetheyo – kodwa kutsha nje kuluhlu lwezinto abazifumanisileyo yinqwaba yezazisi. Kungoku nje bamemelela uluntu ukuba luncede ukufumana abanikazi bazo.
Bathe bakufumanisa ukubaninzi kwezazisi abazifumanayo kugqogqo lwabo, batyelela isebe lemicimbi yekhaya ukuba lithathe ezizazisi lizigcine, kodwa isebe kikukhabile oku.
Ngoku basebenzisa amakhasi ezonxibelelwano ukwazisa ukuntum kuquka nokubhala amagama abantu abafumene izazisi zabo kudonga lwaseMunitata ukuze abantu bazi apho bazakuzifumana khona izazisi zabo.
“Amanye amalungu equmrhu lethu angonogada abaqeshwe zinkampani zabucala ukuba bagade izakhiwo edolophini, kodwa amaqela ethu amaninzi asebenza ebusuku njengoko amalungu athu asixhenxe esebenza ukugada ebusuku.
“Ndathi ndakusondela kubo nalombono bawamkela ngezandla ezishushu, zange bathandabuze, kuba bayazibinela ukugqekezwa, ukukhuthizwa kunye nokonakaliswa kwezakhiwo usuku nosuku,” inkokheli uMatshawandile “Shakes” Mbengo uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa.
Eliqumrhu lisebenza ngaphandle kwenkxaso yomasipala wasekuhlaleni iKing Sabata Dalindyebo kwaye lifumanisa izixhobo eziyingozi ezohlukeneyo usuku nosuku, esiquka oobutshu, iimela, imipu nazinyue izinto abophulimthetho abazisebenzisa njengezixhibo.
“Xasinezixhobo ezininzi sizithatha sizise kwisikhululo samapolisa iMadeira kwaye sixelele amapolisa ngokuba sizifumene njani ukuze azithathe zisuke ezandleni zethu. Siyabathatha nabophuli mthetho esibabamba bekhuthuza umntu, bezama ukubulala, besonakalisa isakhiwo okanye besiba ezivenkileni, sibase emapoliseni ukuze kubengawo agqibayo ukuba athini ngabo,” utshilo uMbengo.
Ngokwenkcukacha zakutsha nje zolwaphulomthetho, uMthatha ukwindawo yesithathu kwizikhukulo eziphambile mgolwaphulomthetho ezingamashumi amathathu kweli. Kweliphodo leMpuma Kapa ezonandawo zihamba phambile luLusikisiki, uMthatha, iMonti, iNgqeleni kunye naKwaBhaca.
Kulwaphulomthetho olujoliswe kwizakhiwo kulommandla, ukugqekezwa kwezakhiwo ezingengomakhaya kunyuke ngo13.1%, ukwebiwa kwemfuyo kwanyuka waya ku1%, ukugqekezwa emzini kunyuke ngo 5.2%, ukanti ukwebiwa kwezithuthi kunye nezithuthuthu kunuke ngo28.6% ukusukela kunyaka ophelileyo.
Umfanekiso ongasentla: Izixhobo ezifunyaniswe kubophuli mthetho kwinkaba yedolophu yaseMthatha
Imvelaphi yomfanekiso: Uthuyelwe