Imali eyebiwa kwisikolo KwaNogcoyi yasetyenziswa kwezopolitiko 

Ngu Celani Sikhakhane

Lowo ubesaya kubayinqununu yesikolo samabanga aphantsi KwaNogcoyi primary okwa lilungu elidla umhlalaphantsi lebhodi elawulayo kwesasikolo utyholwa ngokuba imali engaphezu kwamashumi aluthoba amawaka eerandi, awayisebenzisela ukugaya ivoti kwizikhundla zezopolitiko.  

Akukacaci nokuba wayegaya ivoti ngolonyulo luka 2019 okanye ulonyulo lomasipala basekuhlaleni lonyaka ka2021.  

Esisibini amagama aso aziwayo liqonga lendaba iScrolla.Africa, kunye nemibutho yabo yezopolitiko, sisesizikithini sempi egqubayo KwaNogcoyi primary kwaye bayinxalenye yophando lobuchwepheshe olwenziwa lisebe lezemfundo.  

Bobabini bangoceba abinyuliweyo kwimibutho yabo ephantsi komasipala wasekuhlaleni iZululand. Iingcukacha ezisemapoliseni kunye neqonga lendaba iScrolla.Africa zichaza ukuba ngaphambi kokutshiswa kwesakhiwo solwamkelo kwesisikolo kunye nendlu enamagumbi alushumi ekhayeni lenqununu uBarbie Mazeka-Nbatha, abarhanelwa babefuna uxwebhu oluqulethe ingxelo yezimali eyayisemotweni yenqununu.  

“Ngonyaka ka2019 esisibini sakhupha imali Olundi ekwathi kwafunyaniswa ukuba ihlawulele ukugaya kwabo inkxaso. Babephantsi kophando olwaphenjelelwa nguMazeka-Mbatha.  

“Ngomhla weshumi elinesibhoyo kwekaCanzibe kuonyaka, kwathi xakufuneka uMazeka aye kuqalisa umsebenzi wakhe njengenqununu entsha kwesisikolo, isakhoiwo solwamkela satshiswa. Emva koko waya esikolweni eyolanda amaphepha abululekileyo asinde emlilweni, elinye lalomaphepha kwakuyingxelo yezimali,” iqonga lendaba iScrolla.Africa lixelelwe njalo.  

Emva kokufumaniseka ukuba ingxelo yezimali ayitshatyalaliswanga ngumlilo, indlu yenqununu yatshiswa ngepetula kunye nezithuthi zayo ezimbini.  

Kwiveki ephelileyo kufumaniseke ukuba ngentlahla ingxelo yezimali ayitshanga, nangona sele kuzanywe amatyeli amabini ukuba itshabalale. Eneneni uMazeka-Mbatha wayithatha wayinikezela kusihlalo webhodi elawulayo kwesisikolo, uPrince Bonga Zulu.  

Ngoku kukhangeleka ngathi uZulu uphila ngoloyiko kuba kucace gca ukuba kengxelo yezimali izakufaka abantu eziseleni – ingakumbi abasopolitiki babini babeke baxelenga kwisikolo KwaNogcoyi. 

Inkcukacha ezinikwe amapolisa njengenxalenye yophando lwawo zibonakalise ukuba ingxelo yobuchwepheshe eyenziwe lisebe lezemfundo sele igqityiwe ilindele ukuba kuthathwe amanyathelo ngokomthetho ngakubarhanelwa.  

Kuvakale ukuba ababarhanelwa babinni beba nenye imali engaphezu kwamakhulu amane amawaka eerandi – bebanga ngelithi izakuthenga ifenitshala yesikolo, imitshini emine yokusika iiglassi kunye nokuhlawulela umsebenzi ongazange wenziwe, okanye usebenzi ongenawo amaxwebhu agunyazisa intlawulo.  

Isthethi sesebe lezemfundo uMuzi Mahlambi uthe lenyewe iphantsi kophando lwamapolisa.  

“Ingxaki yaKwaNogcoyi primary yimeko ebuthathaka kakhulu, ingakumbi kubungqina obutsha obufumanekayo. Uninzi lwezinto zijongwe ngamapolisa,” utshilo uMahlambi.  

UZulu akafumanekanga ukuphawula.  

Isithethu samapolisa uColonela Rober Netshunda uthe uphando luyaqhuba. 

Umfanekiso ongasentla: Inxaleye yesakhiwo esatshiswayo KwaNogcoyi Primary School enva kokubekwa kwenqununu entsha 

Imvelphi yomfanekiso: Iqonga lendaba iDaily News