Kubanjwe owayesakuba yinkosikazi ngokubulala uGqirha waseGqeberha 

Ngu Anita Dangazele

Owayesakuba yinkosikazi kaGqirha obethendwa luluntu lwaseGqeberha uBantu Noqekwa, owadutyulwa wabulawa kwindawo yakhe yokusebenza ebutsheni benyanga kaCanzibe, ubanjelwe ukuba ngungqongqondo kwiyelenqe lokubulawa kwalowo wayesakuba ngumyeni wakhe.  

UEthel Mphahlwa-Noqekwa oneminyaka engamashumi amane anesithandathu ebevele phambi kwenkundla kamantyi eNew Brighton eGqeberha ngolwesine. 

UMphalwa-Noqekwa kukholelwa ukuba ngungqondongqondo ekuphekweni kweyelenqe lodubulo elisube ubomi balogqirha uhloniphekileyo.  

Ngokuhlwa komhla wesithathu kwekaCanzibe, kwangena amadoda amane kwisurgery yakhe kwilokishi yaseZwide eGqeberha.

Kutyholwa ngelithi, abababulali bangenalusini baqale bambophela kwibhedi axilongela kuyo ngaphambi kokuba bamdubule entloko izihlandlo eziliqela.  

Abasebenzi balendawo bacela kwabanentsente ngethuba kuqalisa udubulo, kwaye abamelwane abeva izandi zokudubula bazisa amapolisa ngesisiganeko.  

UNoqekwa wayethandwa kakhulu zizigulane zakhe kunye nabantu basekuhlaleni ngokubanzi.  

Abahlali kunye nabanye babantu ebehamba kulogqirha abebekhona kuviwo lwebheyile ngoLwesine bathe baberhanela ukuba ukubulawa kwalogqirha kwakucetyiwe zisuka.  

“Indlela awabulawa ngayo yayibonakalisa ukuba ngumntu onento ngakuye owenze lento,”utshilo omnye umhlali. “Ndandisoloko ndirhanela ukuba icetyiwe. Ukufumanisa ukuba icetywe ngumntu owayeke wamthanda kuyothusa. 

“Abantu balendawo bebemthanda kwaye bothukile ukuva ngendlela asweleke ngayo.” 

Omnye umhlali ubange ngelithi: “Kwavele kwacaca kum ukuba ukubulawa kwakhe kucetyiwe kuba zimbalwa izinto ezabiwayo kunye neeKhamera zazilahlekile kwindawo yexhwayelo.” 

Abarhanelwa abane basusa iikhamera zeCCTV emva koko baphela emehlweni kwindawo yexhwayelo. 

Usapho lukaNoqekwa luvakalise ukuba lufumene ukuthoba iintliziyo njengoko kukhona umntu obanjiweyo, kodwa alufunanga ukuphawula kabanzi.  

Abanye abantu abathathu sele bebanjiwe ngezityholo zokuceba ukubulala nokubulala. Amapolisa athi kulindeleke ukuba kubanjwe nabanye ababandakanyekayo.  

Elityala lirhoxiselwe umhla weshumi elinesihlanu kweYesilimela ukuze kwenziwe ngokusemthethweni isicelo sebheyile.  

Umfanekiso ongasentla: Ongasekhoyo uGqr Bantu Noqekwa 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe