
Ngu Songeziwe Mapukata
Bajamelene nokunyuka okuxhalabisayo kwezinga lokubulala, ubundlobongela kunye nolwaphulomthetho abahlali baseNgqamakhwe emaphandleni ephondo leMpuma Kapa, kwaye isikhululo esingakhuselekanga samapolisa asincedisi nganto kwaphela.
Ukungabikho komthetho kulommandla kuqabele kwade kwafikelela nakumapolisa amkela amantshontsho kubophuli mthetho. Ilali ezisondele kwiwaka eNgqamakhwe zixhomekeke kwesisikhululo samapolisa.
INgqamakhwe yenye yeedolophu ezabalulwa yinkonzo yesipolisa ngokunyuka kweziganeko zokuhlaselwa kweebhasi zakwaIntercape apho kutyholwa ngelithi kukhuthuzwa kubethwe nabakhweli ngelixa bengaphakathi kwezi bhasi.
UNolonwabo Mzwakali ohlala kwilali ekufutshane Entabeni uthethe neqonga leendaba iScrolla.Africa. Usixelele ukuba kutsha nje owasetyhini osele ekhulile ubehamba esiya kwiziko lempilo, wadibana nesidlwengu kodwa amapolisa khange atyelele kulendawo nangona abahlali bewaxelele ngesisiganeko.
“Amapolisa ambalwa kakhulu, akukho zimoto kwaye kusetyenziswa indlu yethutyana esele indala kakhulu,” utshilo uMzwakali. “Akukhuselekanga nokuya uyovula ityala xa usengozini. Ngaphandle kwamapolisa asiyonto, kodwa akukho nto yenziwayo. Iziganeko zokuxhatshazwa okusekelelwe kwisini ziphezulu kakhulu apha ingakumbi kumanina asele ekhulile.
“Abantu balapha bade banayo nendlela yokuthetha eyaziwayo ethi ‘Hayi suka Andizubanjwa’ xa ubaxelela uzakutsalela amapolisa,” utshilo.
Esisikhululo samapolisa sethutyana asikho kude neeofisi zika masipala wasekuhlaleni iMnquma.
“Abantu abonwabi kukuya kwisikhululo samapolisa beyofaka ingxelo ebalulekileyo kodwa badibane negosa elinxilileyo libe liphantsi koxinzelelo kuba lisebenza kwindawo eloluhlobo,” wongeze wenjenje uMzakali.
Kubi kuyafana nakwezinye iilali zalengingqi kunje.
Inkosi yendlu yamaHlubi uNkosi Vuyani Ndzube uzobe umfanekiso ngqondweni wendlela esiguge ngayo isikhululo samapolisa.
“Xa usiya phaya uzama ukungqiyama kwicounter ibangathi iizakuwa nanini na ngenxa yokusindawa.
“Ngempelaveki iba lixesha elixakekileyo kwindawo ezininzi, uthi xa usiya phaya ufike bezivalele kwesisakhiwo bezikhusela kubahlali.
“Akukhuselekanga, nakubo bengabantu bomthetho,” utshilo undzube.
Uthe uninzi lolutsha lwaseNgqamakhwe lubandakanyeka kwizenzo zokushushumbisa iziyobisi. bagqekeza emizini – baze bathengise izinto abazibayo kuba bafuna imali yokuthenga iziyobisi.
Iqonga leendaba iScrolla.Africa lizamile ukuqhakamshelana nenkonzo yesipolisa yephondo leMpuma Kapa ukuba baphawule ngalemeko, kodwa isithethi sesebe uBrigadier Tembinkosi Kinana akafumanekanga ukuphendula imibuzo.
Umfanekiso ongasentla: Uthathwe kwimifanekiso yomnatha istock images