Inkokheli yamabandla efuna uRamaphosa afe ixhasa uBathabile Dlamini 

Ngu Celani Sikhakhane

Inkokheli yebandla laKwaZulu-Natal eyakhe yathandaza esidlangalaleni ithandazela ukufa kukaRamaphosa ifuna uBathabile Dlamini afumane ityeli lesibini njengomongameli wephiko lamanina eANC. 

LoBishop webandla lamaWisile uSandile Ndlela uphehlelele iphulo ngomzuzu wokugqibela elixhasa lowo wayesakuba ngumphathiswa wesebe lophuhliso loluntu.  

UDlamini wafunyaniswa enetyala lokuxoka ephantsi kwesifungo ngenyanga yoKwindla kunyaka ophelileyo, wagwetywa ukuba ahlawule intlawulo yamawaka angamakhulu amabini.  

UNdlela uthathise kumakhasi ezonxibelelwano ngemipoposho ebongoza amanina ukuba avotele lowo wayesakuba ngumphathiswa owahlazekayo. 

“Ubishop S Ndlela uxhasa uBathabile Dlamini ukuba akhokhele ityeli lesibini,” utshilo lompoposho.  

Ebutsheni balonyaka uNdlela wathandaza ngamandla ngaphandle kwenkundla ephakamileyo ePietermaritzburg, ngethuba lokuvela enkundleni kukalowo wayesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma, esithi uThixo makathathe uRamaphosa. 

“URamaphosa makafe, ndiyacela Thixo mthathe. Thatha esisilwanyana,” wawusitho njalo umthandazo walendoda ixhasa uZuma.  

Inkomfa yonyulo yephiko lamanina ombutho weANC izakuqhuba ukusukela ngomhla weshumi elinesithandathu ukuya kwishumi elinethoba kwinyanga yeSilimela.  

Abagqatswa baquka uBathabile Dlamini, uSisi Talashe kunye noThemela Mchunu.  

Inkokheli ekhoyo ngoku kwiANCWL eKZN ixelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba ubishop kufuneka adlalele kude kwipolitiki yamanina. 

“Le ayiyondawo yakhe. Kufuneka ajongane nobizo lwakhe lokuba ngubishop kwaye athandazele ubunye kumbutho weANC endaweni yokukhetha amacala kunye namaqela,” itshilo lenkokheli ingafunanga ukuba idizwe esidlangalaleni.  

Uthe eKZN baxhasa uTalashe wephondo leMpuma Kapa.  

“Ixesha likaBathabile Dlamini lidlullile. Kufuneka avumele abanye bathathe iintambo,” itshilo lenkokheli yaseKZN. 

Inkomfa yonyulo izakuqhuba eJohannesburg kwaye umongameli okhethiweyo uzakukhokhela amaphulo amanina ukuya kunyulo lonyaka ka2024.  

Umfanekiso ongasentla: UBishop Sandile Ndlela owake wathandazela ukufa kukamongameli uCyril Ramaphosa, osele engene kupolitiko lweANCWL.