Ngu Everson Luhanga
Icandelo lohlobo lwezithuthi imetered taxi, likhethe ukuphucula ikamva ngokuphehlelela ukusetyenziswa kwezithuthi ezisebenzisa umbane eMidrand ngoLwesibini. Ezizithuthi bazisebenzisayo zizokwazi ukuhamba umgama ofikelele ku240km xazigcwele.
Babambe amazinyo ukuba inkqubo yokucinywa kombane yakwaEskom ingabamosheli izicwangciso zabo kuba ezizithuthi zizakudinga ukutshajwa.
Usekela sihlalo weSantaco kwicandelo lemetered taxi uSibongiseni Shange uthethe neqonga leendaba iScrolla.Africa esithi, uqoqosho olungazinzanga, ukunyuka kwamaxabiso enqwelo mafutha kunye nokunyuka kwamaqondo obushushu kwihlabathi zezinye zezizathu ezibangele ukuba baphehlele ukusetyenziswa kwezithuthi ezisebenzisa umbane kweli.
“Sinezithuthi ezingamawaka amabini namakhulu amahlanu ngalomzuzu eRhawutini kwaye sizakudlulela kwiphondo laKwaZulu-Natal nase Free State kungekudala,” utshilo.
UShange uthe eliphulo oko lalicetywa iminyaka esixhenxe yonke kwaye ekugqibeleni baziva bekhululekile kuba bade baliphehlela.
Ezimoto zizakugcwaliswa kwindawo ezisebenzela kuzo. UShange uthe nangona eli lijamelene nokucinywa kombane, abakhweli abazuphazamiseka kwihambo zabo kuba baceba ukufakela isolar kudederhu lwevenkile kunye nasezirenkini apho zizogcwaliswa khona ezizithuthi.
Umfanekiso ongasentla: Usekela sihlalp weSantaco kwicandelo lemetered taxi uSibongiseni Shange
Imvelaphi ypmfanekiso: Ngu Mfanelo Dzanibe