
Ngu Anita Dangazele
Usapho lwentwazana yaseNelson Mandela Bay esweleke esibhedlele ngenxa yenxeba elingapholiyo emva kokungeniswa esibhedlele kukrokrelwa ukuba ine-appendicitis, lufuna iimpendulo.
UAndiswa Vulani ongasekhoyo wayekhala ngesisu esibuhlungu wasiwa kwisibhedlele saseLivingstone ngomhla wamashumi amabini anesibini kwinyanga yoKwindla.
Ekufikeni kwakhe, eligqiyazana lineminayaka engamashumi amabini anesithandathu lafunyaniswa ukuba line-appendicitis, lenziwa utyando wabuya enenxeba elide kumazantsi esisu sakhe.
Umzala wakhe uBulelwa Gqokoma uthe uVulani wayesesibhedlele isithuba esingangenyanga kodwa ngalolonke eloxesha inxeba lakhe lalingapholi, lafunyanwa ziintsholongwane ezilenza lingapholi.
“Wayenexhala kwaye efuna iimpendulo koogqirha ababemnyanga, kodwa [wabanga] ngelithi akukho namnye obesenza nto ngalonto,” utshilo uGqokoma.
UGqokoma uthi umzala wakhe ongasekhoyo uye wathumela umyalezo kuWhatsApp ngelixa engaphakathi esibhedlele, evakalisa ukudakumba kwakhe ngenxa yemeko yenxeba lakhe elingapholiyo.
Kumyalezo othunyelwe nguGqokoma, uVulani uvakala esithi: “Ugqirha khange athethe nto
kum okanye andixelele nantoni na.
“Bendingazi ukuba mandithethe nabani … ndiza kuyicima le fowuni okwethutyana kuba ndicinga ukuba ikwayiyo endibangela uxinizelelo kwaye andibi ngcono.”
Emva kweenyanga egcuma ziintlungu emva kotyando olwenziwa ekupheleni kweyoKwindla, uVulani uye wasweleka ngenxa yamanxeba ngoMgqibelo, umhla wesine kweyeSilimela ekhayeni lakhe kwilokishi yase Wells Estate.
UVulani ebefunda kwiziko lemfundo ephakamileyo iPort Elizabeth College kwaye ebehlala notata wakhe kunye nobhuti wakhe ngexesha lokusweleka kwakhe.
“Uyise akasebenzi; sele esidla umhlala-phantsi kwaye wanqunyulwa umlenze, ngokunjalo nobhuti wakhe akaphangeli ngoko abanayo kwa indlela yokumngcwaba,” utshilo uGqokoma.
“Sikwafuna iimpendulo ezizakusixolisa siqonde ukuba kutheni [ubomi bakhe bathathwa benziwa idini ngoluhlobo.”
Isithethi sesebe lezempilo eMpuma Kapa uYonela Dekeda ungqinile ukuba uVulani ngenene wanyangwa kwisibhedlele iLivingstone.
“Isebe lingangqina ukuba isigulane ekuthethwa ngaso siziswe kwisibhedlele iLivingstone
nge-22 kaMatshi,” utshilo uDekeda.
“Izindululo ezivela kugqirha owamnyangayo zazifuna ukuba isigulane silaliswe ngoko na ngoko ukuze imeko yakhe ibekwe iliso ngoogqirha.”
UDekeda wongeze ngelithi emva kothotho lovavanyo olwenziwayo ngoogqirha, uVulani wathunyelelwa kwisibhedlele esinyanga isifo sePhepha ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga kaTshazimpuzi.
“Ngenxa yokungavumeleki ukupapasha inkcukacha zomguli, isebe alikwazi kuthetha ngenkcukacha zokugula kwakhe,” utshilo.
“Isebe lizakwenza uphando malunga nezityholo [ezenziwa lusapho],” utshilo.
“Ngokomgaqo nkqubo, kuzakuthi kwakufumaneka inkcukacha, sizame ukuphendula izikhalazo esizifumanayo ukuze usapho luqondisise ukuba ibinjani imeko yomntu wabo kunye neziphumo ebezinokulindeleka ngemeko yakhe.”
Umfanekiso ongasentla: UAndiswa valeni ongasekhoyo ngaphambi kokugula.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe