
Ngu Everson Luhanga
Abantwana baseUganda badlulise umbulelo kubaxhasi nabalandeli babo ngenkxaso engagungqiyo nangona bengalifumananga iwonga eliphezulu kukhuphiswano iBritain’s Got Talent.
Iqela labadanisi abanesakhono baseUganda bonwabise iintliziyo zabantu abaninzi kwihlabathi liphela emva kokufumana udumo lwe “golden buzzer” kolukhuphiswano.
Eliqela le Ghetto Kids liqela labantwana abaneminyaka ephakathi kwemihlanu neshumi elinesithathu abakhulele kwikhaya labantwana eUganda. Ababantwana babonakalise iskahono esigqibeleyo kunye nendlela abakhule ngayo bade baya kufikelela kumjikelo wokugqibela kolukhuphiswano.
eliqela lixelele iBBC ukuba nangona belifumananga ibhaso eliphambili elifunyenwe ngumdlali ohlekisayo waseNorway uViggo Venn, bonwabile yinkxaso abayifumene kubalandeli. UVenn ophumelele olukhuphiswano uhambe nemali efikelele ku250,000 pounds.
Lenzalelwane yaseNorway iphumelele ngevoti ezifikelele ku22.5 yepesenti ngelixa iqela laseUganda lime kwindawo yesithandathu ngepesenti ezifikelele ku10.1.
Ababantwana basuka kwizitalato zaseKampala eUganda babonakalise amaphupha, intshisakalo kunye neminqweno yabantwana abaninzi basemaphandleni, abahlala ezitalatweni kunye nezinye iindawo ezingakhuselekanga ezonganyelwe kukunqongophala kwenkonzo ezingundoqo zobomi.
Bafumene newonga lokusebenza nabaqeqeshi bomdaniso abafana noFrench Montana, uChris Brown, uSwae Lee, uWizKidm uEddy Kenzo, uRuntown, iJapanese Pikatoro kunye nabanye abaninzi. Babonise isakhono sabo kwiqonga eliphambili ehlabathini.
Iqela leGhetto Kids laqalisa ukubangundaba mlonyeni kumnatha ngonyaka ka2014 ngethuba ushicilelo lomdamniso abazenzela wona besebenzisa ingoma ethi “Sitya Loss” ka Eddy Kenzo ithe ndii kumakhasi ezonxibelelwano.
Lomboniso washicilelwayo ubonisa abantwana abancinci bedanisa wabavulela amathuba amaninzi nalapho ushicilelo lwemiboniso yabo kwikhasi lika YouTube ifumana ukuthandwa nokubukelwa zizigidi zabantu.
Ngonyaka ka2022, eliqela ladanisa kwiqonga lendebe yehlabathi eQatar, apho badanisa kushicilelo olwalisasazwa ngqo kwhlabathi liphela.