
Ukutshintsha-tshintshwa kwabaqeqeshi beqela leChippa United sele kungaphaya kwempambano, kubhala uMicheal Madyirha.
Ngolwesibini, usihlalo weliqela uSiviwe Mpengesi ubhengeze ukubuya kukaMorgan Mammila njengomqeqeshi oyintloko, nto leyo ayichaze “njengotshintsho olumandla” kwiqela lomanejala.
Le yindoda abeyigxothe kwinyanga ezine ezidlulileyo, kuba itsalalele eliqela kumngcipheko wokuba ikhutshelwe ngaphandle kwi PSL.
Kodwa, lendoda yayilipolisa kunye nomsebenzi wasezi ofisini – sele iyekile yaba ngumqeqeshi ibuyile kwakhona izekusebenza kweli qela lidume ngokutshintsha abaqeqeshi balo.
Ebuncinaneni ngabaqeqeshi abalishumi elinesihlanu asele bebambe iintambo kwiqela leChilli Boys kuleminyaka mithandathu idlulileyo, kwaye kunzima kwa ukuba umqeqeshi omnye agqibe isizini.
Noxa kukhona olutshintsho lungapheliyo, azikho imbasa ezingenayo kweliqela laseGqeberha.
Njengoko ebuyile uMammila, kungoku , kukhangleka kukude ekubeni iphele ingxwaba ngxwaba eqhuba kweliqela.
Umntu angabuza ukuba yintoni etshintshileyo kuMammila le imenza abe ngumgqatswa ofanelekileyo ozakuza neziphumo ekudala esokola ukuzifumana uMpengesi nangona ebeqeshe abaqeqeshi abaziwayo abafana noEric Tinkler, uGavin Hunt kunye noManqoba Mnqithi ebebeke bangena kwesisihlalo?
Intlekisa yempazamo ezenziwa ngabaqeqeshi sisenyeliso kwibhola ekhatywayo yoMzantsi Afrika.
Abadlali beqela leChippa United soze bakwazi ukuphuhla ukuba isizini nesizini baqeqeshwa ngabaqeqeshi abohlukeneyo, ngamanye amaxesha amadoda amane ohlukeneyo, indoda nganye ifika nenkolelo zayo.
Eliqela soze likwazi ukuba nendlela yalo yokudlala okanye indlela yokudlala ehlaziyekayo.
Ngenyanga kaTshazimpuzi ngonyaka ka2022, uMammila ubhalisele isatifiketi seSafa sokuqalisa ukuba ngumqeqeshi njengoko ubetshintsa esuka ekubeni ngumsebenzi wasezi-ofisini oncedisana nomqeqeshi.
Ngoku unikwa uxanduva lokutshintsha iqela leChilli Boys ukuba libeliqela elikhuphisana kwinqanaba eliphezulu, abancede baphumelele iindebe kwaye abengumqeqeshi wokuqala ukuba agqibe isizini epheleleyo kweliqela.
Kunzima ukuqondisisa ukuba kutheni uLehlohomo Seema engaqeshwanga, kodwa nguye ofike walungisa ingxaki eyenziwa nguMammila wanceda iqela leChippa United lasinda kwikrele lokuya ehlathini kulesizini igqiba kuphela.
Oku kubonakala njengenye yempazamo ezinkulu ezenziwa nguMpengesi, kwaye ndizakonwaba ukuba uMammila angandiphoxa, ndibe yinkukhu esikwe umlomo.
Umfanekiso ongasentla: Umqeqeshi weChipa Unite uMorgan Mammila
Imvelaphi yomfanekiso: ThamiSoccer