
Ngu Buziwe Nocuze
Inyuka ngamandla inkxaso yeshishini likaLungisa Valeni waseGqeberha emva kokuba ibali lakhe lapapashwa liqonga leendaba iScrolla.Africa.
Intshisakalo yokuqala ishishini eyayiqhutywa kukunqongophala kwamathuba emisebenzi, yabangela ukuba uValeni aqalise ishishini lokubhaka ngonyaka ka2022.
Elishishini zange libe yimpumelelo eKapa, wanyanzeleka uValeni ukuba abuyele kwidolophu yokuzalwa kwakhe apho afike waqalisa khona ishishini lokubhaka isonka labayimpumelelo.
Lo laValeni walandisa ishishini lakhe laquka ukuphekela imicimbi eyohlukeneyo efana nemingcwabo, imitshato kunye neminye iminyhadala.
Nangona wayejamalene nokwenziwa intlekisa ngabantu abajongela phantsi ukupheka emingcwabeni, uValeni zange aphele mandla yilonto, waqhubeka nokuzimisela emsebenzini wakhe kuba awophuli mthetho.
Ukupapashwa kwebali lika Valeni kubenegalelo elininzi kwishishini lakhe, latsala umdla kubathengi abaninzi bamaphondo ohlukeneyo.
UValeni uvakalise umbuleleo kwiqonga leendaba iScrolla.Africa ngegalelo elihle eliphakamise umgangatho weshishini lakhe kunye nomothuko wokufumana abathengi abanomdla kwimveliso zakhe.
“Ndifumana iminxeba kubantu abakumaphondo ohlukeneyo, bendimemema ukuba ndiyopheka kwimicimbi yabo ekuyinto ebendinga khange ndiyicinge,” utshilo uValeni osele ekulungelele ukuphekela imitshato, imingcwabo, amatheko okuzalwa neminye emininzi.
Ibali likaValeni litsale umdla kumsamariya olungileyo osele eqalile ukuxhasa elishishini. Lomsamariya uzibophelele ukunikezela ngamakhulu amathathu eerandi ezakusetyenziswa ukwenza isonka uValeni azakunikezela ngaso kwiintsapho ezihlelelkileyo.
Injongo yalomsamariya kukwazisa abantu ngeshishini likaValeni kunye nomahluko awenzayo ekuhlaleni.
Ekuqaleni, uValeni ubengazikholwa ncam ezindaba, wade wabe uyayifumana lemali.
“Ukupapshwa kwebali lam, khange kuncede mna kuphela koko neentsapho ezifumana esi sonka.”
Ukongeza kwisonka asithumela kwezintsapho, ngamanye amaxesha uValeni ubanika nenyama ukuze ibe sisidlo esipheleleyo.
“Xa ishishini lam lifikelela kwinqanaba eliphezulu, ndizokwazi ukuxhasa abantu bendawo yam. Okwangoku ndibanika isonka nenyama. Akuyonto ingakanani kodwa linyathelo kwinzame zokulwa indlala,” utshilo uValeni.
Abathengi bemveliso zika Valeni bayakhula, kwaye iyadingeka nangakumbi indawo enkulu yokusebenzela.
Okwangoku, usebenzela kwigaraji ayiqeshayo kodwa unethemba lokuba ukhona umntu ozakunikela nge-container, imbiza ezinkulu zokupheka, isitovu kunye nerhasi.
ULungiswa Hoffman waseKokstad wabelene nosapho lwakhe ngebali lika Valeni, emncoma ngokuzimisela kwakhe.
Ugxininise ukubaluleka kokuxhasa abantu abafana niValeni abangaqungqiyo kwizinto abazenzayo nangona behlekwa ngabantu.
UHoffman uthi baceba ukusebenzisa iinkonzo zokupheka zikaValeni kumsitho wokubhiyezela usuku lokuzalwa abazakuba nawo ngenyanga yoMnga.
Umfanekiso ongasentla: ULungisa Valeni unombulelo ongazenzisiyo ngempendulo azifumanayo ngokupapashwa kwebali lakhe
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe