Baxhonyiswe ngemipu ootitshala kwisikolo saseKhayelitsha eKapa

Ngu Buziwe Nocuze

Ootitshala besikolo samabanga aphantsi iNoxolo Xauka Primary School eKhayelitsha eKapa, bebekhonjwe ngemipu ngabarhanelwa abane kwesisikolo ngenjika langa yongolwesibini.  

Esisiganeko sibangele inkxalabo malunga nokhuseleko kwesisikolo kwaye savusa ingxoxo malunga nolwaphulo mthetho kulengingqi. 

Isithethi sesebe lezemfundo uBronagh Hummond usiqinisekisile esisiganeko kwaye wavakalisa inkxaso yesebe kubasebenzi abachaphazelekileyo. 

“Inqununu yesikolo kunye nootsitshala bafumana ululeko lwengqondo phantsi kwenkqubo yokukhathalelwa kwempilo yabasebenzi. Sibulela kuba kungekho mntu uxelwe njengo limeleyo. Noxa kunjalo, iingcinga zethu zikunye noogxa bethu abanyanzeleke ukuba banyamezele isiganeko esothusa oluhlobo,” utshilo uHammond.  

“Sizakuthetha nesikolo malunga nemigqaliselo yaso yezokhuseleko. Sinethemba lokuba abarhanelwa bazakubanjwa.” 

Abarhanelwa bakwazile ukuba isishushubezi sokutya, imonitor ezimbini zekhomputha, kunye nemfonomfono ezintathu ngaphambi kokubaleka kwindawo yexhwayelo. 

Umsebenzi ocele ukuba angadizwa kuba enoloyiko lokulandelwa ngabarhanelwa, uthe babulela okokuba bengalimalanga. 

“kodwa sisothukile. Sithandazela ukuba ibe kokokugqibela kusenzeka into eloluhlobo kwisikolo sethu,” utshilo lomsebenzi.  

UNolwazi Ngathane ongumhlali waseKhayelitsha uthe ulwaphulo mthetho luyagquba kwaye alukawuleki kulommandla.  

“Inyaniso embi nje yile yokuba akukho mntu ukhuselekileyo, oonqevu benza yonke into abayifunayo kwaye aboyiki mntu,” utshilo uNgathane.  

Urhanela ukuba oonqevu bakwazile ukuqhatha unogada ukuze bakwazi ukungena. Kodwa khange amgxeke unogada kuba evuma ukuba abarhanelwa bebexhobile. 

“Oonogada bezikolo abanayo imipu. Bakholo nje ukuvula isango baphinde balivale belungiselela abantu abatyelele isikolo,” utshilo.  

UCaptain Nowonga Sukwana osisithethi samapolisa kwiphondo eNtshona Kapa uqinisekisile ukuba amapolisa esikhululo saseHarare aphanda ityala lokuqweqwediswa kweshishini. 

“Amadoda amabini ebexhobe ngemipu, abanye ababini bathathe iminxeba yabo bayenza imipu.” 

Amapolisa aphanda abarhanelwa kwaye akukhomntu sele ebanjiwe okwangoku. 

Umfanekiso ongssentla: Abasebenzi besikolo samabanga aphantsi basele bexhwalekile emva kokuba abarhanelwa beqweqwedise esisikolo 

Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze