Utyholwa ngokudlwengula umntwana ophila nokukhubazeka umphathi wehostela yabafundi eMthatha

Ngu Songeziwe Mapukata

Inkwenkwe eneminyaka elishumi elinesixhenxe ephila nokukhubazeka kutyholwa ukuba idlwengulwe ngumphathi wehostela yabafundi kwisikolo sabantwana abanemfuno ezikhethekileyo eMthatha.  

Ngokokutsho kuka nina, unyana wakhe ubenobudlelwane obusondeleyo kunye nomrhanelwa ongumphathi wendawo yokuhlala bafundi. 

Lomama uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba umphathi wehostela yabafundi wabhalela unyana wakhe umyalezo kwikhasi likaFacebook emcela ukuba adibane naye esangweni lehostela xa efika evela edolophini.  

Ngenxa yokumthemba ngokupheleleyo, lenkwenkwe khange irhanele bungozi kwaye yahamba yayakudibana naye.  

Uthe xa ebuzwa ngunogada esangweni, lenkwenkwe yaqinisekisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba iyamazi umntu ezakudibana naye kuba ubedla ngokumnceda ngomsebenzi wesikolo kwixa elidlulileyo.  

Lo mama uthe umphathi wehostela wathenga iKFC kwaye wacela unyana wakhe ukuba alale ecaleni kwakhe ebhedini kuba umanziswe yimvula kwaye udinga ukufumana ubushushu.  

Esisenzo besingathi sibonakalisa ubuntu, sikhawuleze sajika saba sesokuxhaphaza ngokwesondo. Lenkwenkwe ivakalise ukudideka nokungonwabi amatyeli aliqela, ebuza umphathi wehostela ukuba kutheni esenza lento ayenzayo kwaye esitsho ukuba ayilunganga, kodwa ukuxhatshazwa kwaqhubela phambili.  

Esisiganeko sixelwe kwinqununu yesikolo ngumncedisi wabantwana kwizifundo zabo othe lenkwenkwe yaxela kuye esisiganeko.  

Lenqununu iphendule ngokubiza intlanganiso ekhawulezileyo kunye nosekela wakhe kwaye kwaziswa bonke abathathi nxaxheba besikolo. Ukanti nonina womntwana ubiziwe ukuza kuthetha ngesisiganeko.  

Lo mama uvule ityala lokudlwengula kwisikhululo samapolisa iNgangelizwe eMthatha. Amapolisa akakakuqinisekisi ngokusenthethweni oku, kwaye akukacaci okwangoku nokuba umrhanelwa sele ebanjiwe okanye uzakuvela enkundleni kusini na.  

Amaqumrhu okhuseleko lwabantwana kunye neziphatha mandla zilindelele ukuba zenze uphando olunzulu, kwaye ixhoba kunye nosapho lwalo bazakudinga ukufumana inkxaso efanelekileyo kunye nokolulekwa ngokwengqondo ngelixesha lobunzima.  

Umfanekiso ongasentla: Abafundi beqhankqalaza