
Ngu Zukile Majova
Akukhona namnye ngaphandle kukarhulumente kamongameli uCyril Ramaphosa onokuyalela ukuba urhulumente makaqhube njani ukwenza imicimbi yawo namazwe ehlabathi.
Le yimpendulo yakutsha nje kaRamaphosa kwimibuzo yenkundla ephehlelelwe ngamaqumrhu ohlukeneyo oMzantsi Afrika kuba enyanzelisa urhulumente wakhe ukuba abambe umongameli waseRussia uVladimir Putin ukuba uthe watyelela kweli.
UPutin kunye nezinye iintloko zamazwe ayinxalenye yeBrics zimenyiwe kwingqungquthela yalamazwe asakhulayo izakube isingethwe nguMzantsi Afrika ngenyanga kaThupha.
Urhulumemente usaqulunqa indlela ozakuphendula ngayo kwisigunyaziso sokubamba esikhutshwe yinkundla yehlabathi yolwaphulo mthetho, ngakumongameli waseRussia ngamatyala olwaphulomthetho lokuqhuba impi kwilizwe laseUkraine.
Umbutho ophikisayo ngokusemthethweni iDemocratic Alliance, ifake isicelo kwinkundla ephakamileyo yaseRhawutini icela isigunyaziso “esizakubonakalisa ukuba akufika umongameli uVladimir Putin kwilizwe loMzantsi Afrika ezokuchophela ingqungquthela yeBrics, emva kokufumana isicelo esivela kwinkundla yehlabathi yolwaphulomthetho esigunyazisa ukubanjwa kukaPutin, urhulumente welizwe loMzantsi Afrika kufuneka ngokukhawuleza ubambe uPutin umnikezele kwi ICC”.
“IDA imilisela elinyathelo ukwenzela ukuba kungaphinde kwenzeke into efana neyenzeka kuAL-Bashir ngethuba urhulumente woMzantsi Afrika wathi wohluleka ukugcina isifungo sawo ubambe umrhanelwa ngonyaka ka2015,” utshilo lombutho.
URamaphosa uthe urhulumente wakhe awukathathi sigqibo malunga nalenyewe.
“Ewe ndibonile ukuba abanye abantu baye ezinkundleni. Kodwa ekugqibeleni indlela zokusebenzisa imithetho yehlabathi kunye nezinto zokumema nabanina, njengoko simeme umongameli wase[Portugal uMarceko Rebelo de[ Sausa, ngumsebenzi wesigqeba esilawulayo.
“Ayingomsebenzi wabanye abantu abangaphandle kwesigqeba, ngako ke ngurhulumente, ngumongameli abamema iintloko zamazwe.
“Lomsebenzi awujoliswa kumntu othile,” Uramaphosa uxelele iintatheli kwizindlu zomdibaniso ePitoli ngelixa esingethe umongameli wasePortugal ngolwesibini.
Kusenjalo, uRamaphosa kunye neentloko zamazwe amathandathu aseAfrika kulindeleke ukuba batyelele eUkraine naseRussia kwiphulo lokumilisela uxolo iAfrican Peace Initiative ukuze baqalise iingxoxo ezinokukhokhelela ekubeni kubekwe phantsi izixhobo kulammandla.
Umfanekiso ongasentla: Umongameli uRamaphosa kunye noPutin
Imvelaphi yomfanekiso: GCIS