Umasipala wesithili iAlfred Nzo ujonge ukuphelisa ukusweleka kwabakhwetha esuthwini 

Ngu Thabisa Ndzindzwa

“Mabaye bephila babuye bephila!” 

Lo ngumyalezo oshunyayelwa ngumasipala wesithili saseAlfred Nzo njengoko uvule ngokusesikweni ixesha lolwaluko lwasebusika ngomthandazo, umemelela ukuphela kokusweleka kwabakhwetha esuthwini.  

Kwiveki ephelileyo kuphehlelwe ixesha lolwaluko kumenyelelwa ungenelelo luka qamata kwimiceli mngeni ejamelene nelisiko lemveli lineminyaka lisenziwa.  

Kutsha nje, elisiko longanyelwe kukonyuka kwamanani okusweleka kwabakhwetha emabhomeni, ingakumbi kweliphondo leMpuma Kapa, kummandla waseO.R Tambo kunye neAlfred Nzo.  

Eminye yemiceli mngeni iquka ukwenziwa kwezikolo zolwaluko ezingekho mthethweni ezibangela ukuba kungabikho bantu banolwazi bazakubeka iso kulomakhwenkwe kunye nabakhwetha abasebenzisa iziyobisi.  

Ngokusebenzisana nabathathi nxaxheba abohlukeneyo, lomasipala unezicwangciso azenzileyo ukukhawulelana nalemiceli mngeni, kuquka ukuncediswa ngezixhobo zezothutho kumaqumrhu ajongene nolwaluko ukuze akwazi ukufikelela kuzo zonke izikolo zolwaluko kwesisithili.  

Usomlomo webhunga likamasipala uSixolile Mehlomakhulu ugxininise uxanduva lwakhe wonke ubani ukuqinisekisa ukhuseleko lwabakhwetha kunye nokuvunyelwa kweenkosi ukuba zikhokhele ukugcinwa kwelisiko liphila kuba zizo eziselungelweni lokugcina amasiko nezithethe.  

Unkosi Jongilanga Sigcawu ongusihlalo wendlu yenkosi zemveli kunye namaKhoi San eAlfred Nzo, uwuqhwabele izandla umsebenzi owenziwa ngamaqumrhu ajongene nolwaluko kwisithili kunye nakoomasipala basekuhlaleni ukuqinisekisa ukhuseleko lwabakhwetha njengoko amanani abo baswelekayo encipha ngexesha ngalinye kuvulwa ulwaluko.  

“Ngenxa yomsebenzi owenziwa ngamaqumrhu olwaluko esithili kunye nakwisigaba sorhulumente wasekuhlaleni, ukusweleka kwabakhwetha kuyehla, kodwa injongo kukuba kuphele tu,” utshilo uSigcawu.  

Ngexesha lolwaluko lwasehlotyeni kunyaka ophelileyo, ngabakhwetha ababini baseBizana abasweleke ngenxa yokweyela kumlambo uMzimvubu. Ukanti mnye umzimba owafumanekayo.  

Lomsitho uphinde wasetyenziswa ukuthandazela ukuphela kwezinye iingxaki ezikhoyo ekuhlaleni ezifana nolwaphulo mthetho, ukusetyenziswa kweziyobisi, ukulwa nobundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokunikezela ngolwazi malunga nokuseleko kwimililo yamadlelo eqhambuka ngexesha lasebusika.  

Umfanekiso ongasentla: Usihlalo wendlu yenkosi zemveli kwisithili saseAlfred Nzo uNkosi Jongilanga Sigcawu kunye nelungu lesigqeba sekomiti kasodolophu wesithili sase Alfred Nzo uSobane Mnukwa kumsitho wokuphehlelela ngokusesikweni ixesha lolwaluko lwasebusika kwisithili saseAlfred Nzo kweliphondo leMpuma Kapa 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe