Ukutshiswa komzi wenqununu kuyanyaniswa nesabelo mali yesikolo

Ngu Celani Sikhakhane

Ulwabiwo mali elungiselelwa izikolo zasemaphandleni kwiphondo laKwaZulu-Natal kubonwa njengowona nobangela wempi yezihlalo ebangele ukuba kutshiswe umzi wenqununu ngobusuku bangeCawa.  

Umzi okumgangatho ophezulu wenqununu yesikolo samabanga aphantsi KwaNogcoyi Primary uBarbie Mbatha Mazeka, kunye nemoto zakhe ezimbini zitshiswe zaluthuthu ngabahlali abebebuza malunga nokuqeshwa kwakhe.  

Iinkokheli zombutho weANC kummandla waseMzala Nxumalo zibhengeze ukuba yimali ephantse yafikelela kumawaka angamakhulu amahlanu eerandi eyabiwayo ngokusetyenziswa kweyelenqe lokuthenga ifenitshala yesikolo.  

Unobhala wengingqi uNtokozo Nxumalo uthe isizathu sokuba uMbatha Mazeke ahlaselwe kukuba uceba ukuphanda asuse lonke olurhwaphilizo. 

“Ulwazi esinalo lubonakalisa elubala abantu abangongqondongqondo kwiyelenqe lokwehlisa ngomlenze imali efikelele kuR130, 000. Saphinda saziswa kwakhona ngokubiwa kwe R150, 000 kunye neR100,000.  

“Ezi zizinto ebezakufika aqubisane nazo uMbatha Mazeke njengoko eqalise umsebenzi wakhe njengenqununu yaKwaNogcoyi ngokusemthethweni,” utshilo uNxumalo. 

Kodwa akakhange avakalise ukuba kutheni bengazithathi ezinkcukacha bazise emapoliseni.  

Unobhala weNational Freedom Party uZandile Myeni uthe kukhona iingxelo malunga namatyala anganikwa ngqalelo iminyaka kwesasikolo.  

UMyeni uthe bamemelela uphando olusebenzisa ubuchwepheshe ukuba lumiliselwe ngokukhawuleza kwaye kujongwe onke amatyala obuqhophololo exesha eladlulayo abandakanya isikolo saKawaNogcoyi.  

Iqonga leendaba iScrolla.Africa lifumanise ukuba malunga nesigidi seeRandi kwimali yonyaka nonyaka ichithwa ingabonakali nokuba itshone phi.  

Isiniki maxabiso sokucheba ingca, esanikwa  ititshala esele isidla umhlalaphantsi, naso sibangele ukrwithakrwithano.  

Lotitshala utyholwa ngokuba nguye obeka umthetho kwesisikolo. Iinzame zokuqhakamshelana naye khange ziphumelele.  

Isithethi samapolisa uColonel Robert Netshiunda uthe akukhomntu sele ebanjiwe okwangoku, kodwa bayaqhuba nophando.  

umfanekiso ongasentla: Inqununu yesikolo samabanga aphantsi KwaNogcoyi uBarbie Mbatha Mazeke 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe