
Ngu Celani Sikhakhane
Liyavutha idabi lwesikhundla senqununu kwisikolo samabanga aphantsi esidumileyo kwiphondo lakwZulu-Natal kwaye iziphumo zibi kakhulu: Kutshiswe ikhaya kunye nezithuthi zenqununu entsha yesisikolo.
Lempi yezihlalo yajika yabanobundlobongela kwade kwanyanzeleka ukuba kunyaka ophelileyo abanye ootitshala bafike behamba noonogada babo. Abanye ootitshala bafakelana maxwebhu enkundla njengoko lempi sele iqhube ixesha elide kukholeleka ukuba yaqala ngnyaka ka 2018.
Inzondo engaka ngakwinqununu entsha linyathelo elibonakele kutsha nje. Kutyholwa ngelithi abahlali bakwaNongoma abavutha ngumsindo bebengakufuni ukubekwa kuka Barbie Mbatha Mazeke ukuba abeyintloko entsha yesikolo samabanga aphantsi KwaNogcoyi Primary School emva kokuba wafaka isikhalazo malunga nokuqeshwa kwenye ititshala.
Umthombo othembekileyo uxelele iScrolla.Africa ukuba abahlali bagaleleke kwikhaya lalenqununu ngobusuku bange Cawa batshisa umzi kaMbatha kunye nemoto zakhe ezimbini.
Esi sisixhobo asasikhe sasetyenziswa nangaphambili. Kukholeleka ukuba iofisi yakhe yatshiswa ngokukhawuleza emva kokubhengezwa kwakhe njengenqununu entsha yaKwaNogcoyi Primary School ngomhla weshumi elinesibhozo kwekaCanzibe, elindeleke ukuba aqalise ukusebenza ngomhla wokuqala kweyesilimela.
“Lengxuba kaxaka yaqala ngethuba uMbatha Mazeke ebuyiswa kumhlalaphantsi awayewuthathe ngaphambi kwexesha,” utshilo lomthombo.
“Wathi akubuya waqala njengentloko eyiHOD. Abanye ootitshala kunye nabazali baqalisa bantlandlo mbini ngendlela yokuba kwaqhambuka isiphithiphithi ngaphakathi kumasango esisikolo nangexesha ekufanele kube kuyatitshwa. Oku kungavani kwajika kwabayimpi ephakathi kwemibutho yootitshala ejongana ngezikhondo zamehlo iSadtu kunye neNatu.”
Omnye utitshala uchaze ngelithi “Ukubekwa kuka Barbie Mbatha Mazeke kwenze abanye ootitshala kunye nabazali bakholelwa ukuba kukhona ubuqhophololo norhwaphilizo olwenzekayo malunga nokuqeshwa kwakhe ngabaphathi besithili sesebe lezemfundo eVryheid. Kanye kanye wabekaphantsi iintambo ekutitsheni kwiminyaka eyadlulayo ethatha umhlalaphantsi wangaphambi kwexesha.
“Wakha indlu enkulu entle kakhulu ebangele ukuba abantu bajonge yona yodwa ekuhlaleni. Uphinde wabuyela emsebenzini ezokusebenza KwaNogcoyi Primary. Kubuhlungu ukubona indlu yakhe itshatyalaliswe oluhlobo.”
Xa etsalelwa umnxeba uMbatha, unomyayi wakhe uphendulwe linina elithe uxakekile ngeke akwazi ukuthetha.
Umphathiswa wesebe lezemfundo eKZN uMbali Fraser usigxeke kanobom esisiganeko, wabongoza amapolisa ukuba abambe abantu ababandakanyekayo.
Isithethi samapolisa uColonel Robert Netshiunda uthe uphando luyaqhuba kodwa akukho mntu sele ebanjiwe okwangoku.
Uqinisekisile ukuba ngamatyala ohlukeneyo okuzama ukubulala nokutshisa avuliweyo kwisikhululo samapolisa kwaNongoma.
Umfanekiso ongasentla: Inqununu ebekwe kutsha nje yesikolo samabanga pahantsi KwaNogcoyi Primary kwaNongoma, uBarbie Mbatha Mazeke, otshiselwe umzi ngobusuku bangeCawa
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe