Umcuphi obephanda ityala likaBester uzidlulise amafu 

Ngu Everson Luhanga

Ipolisa elingumcuphi ebeliphanda ityala likaBester kutyholwa ngokuba lizigqithise amafu.  

Imithombo ethembekileyo ixelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba lomcuphi uthathe umpu wakhe wazidubula ngawo ngaphandle kwekhaya lakhe eBloemfontein ngoMvulo.  

Elipolisa lingumcuphi belikwisihlalo sika Brigadier, limise isithuthi salo iFord Ranger emhlophe kwikona yesitalato iRhodes Avenue kunye noHarvey Road eBloemfontein emva koko lazidubula.  

Eligosa lomthetho besele lichithe iminyaka engamashumi amathathu ananye lisebenza kwinkonzo yesipolisa, kwaye beliyintloko yephondo enoxanduva lokuphanda amatyala olwaphulomthetho acwangcisiweyo kwiphondo laseFree State.  

Isithethi senkonzo yesipolisa kuzwelonke uBrigadier Athlenda Mathe ukuqinisekisile ukusweleka komnye wabacuphi ebebephanda ityala eliphezulu lokuqhwesha ejele kuka Thabo Bester.  

UMathe uthe eligosa sele linamava lifunyenwe sele liswelekile phantsi kwemeko ekrokrisayo, kwaye kwanyanzelela ukuba kwenziwe uphando olunzulu nolukhawulezayo ngamapolisa. 

“Iziphathamandla zenkonzo yesipolisa, zinyanzelekile ukuba ziqaphele kwesisigaba sophando lokuqala, zigqibe kwelokuba zingakhuphi zinkcukacha zibanzi malunga nesisiganeko esidlangalaleni,” utshilo uMathe.  

Uthe amapolisa akugxininisile ukuzibophelela ukwenza uphando malunga nokusweleka kwakhe okothusileyo.  

Uthe ubume bempilo yosapho lwegosa eliswelekileyo kunye nabesebenza nabo kuko okubekwe phambili, kwaye kuthunyelwe abasebenzi abazingcali kwezempilo benkonzo yesipolisa kuquka ichaplains ukuba banikezele ngenkxaso yezoluleko lwengqondo. 

Umkomishinala wamapolisa kuzwelonke uGeneral Fannie Masemola uvakalise ukudandatheka okumandla malunga nokulahlekelwa ngumcuphi obezinikele kumsebenzi wakhe.  

Uchazwe njengomntu obesebenza nzima, ethembekile kwaye enesakhono esimangalisayo, lomcuphi uswelekileyo ubesisisele senyathi xa kuthethwa ngesakhono sokuphanda ulwaphulo mthetho.  

Umfanekiso ongasentla: Amapolisa aphandayo kwindawo yexhwayelo apho lizibulele khona ixhoba 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter