
Ngu Buziwe Nocuze
Owasetyhini waseKhayelitsha eKapa uzibone sele elixhoba lokuxhatshazwa ngulowo ubesakuba liqabane lakhe, okwanguyise wabantwana bakhe ababini, omhlasele wambetha, wamhlaba ngebhotile yebhiya.
Nangona ubesopha ngamandla, khange afumane ncedo kwaphela kwiziko lempilo eKhayelitsha Site B Community Health Centre apho ubeyofuna uncedo khona.
Ebalisa ngesiganeko esimehleleyo, elixhoba lineminyaka engamashumi amathathu labelene ngesiganeko esimasikizi esimehleleyo neqonga leendaba iScrolla.Africa.
Uthi ubehamba nomhlobo wakhe kwindawo apho kuhlala khona umntakwabo ngethuba lowo ubesakuba liqabane lakhe embetha ngasemva engalindelanga, esebenzisa iphanga lebhiya ebeyisela.
“Khange ndimbone umrhanelwa xa esiza, ndive nje sele endibetha entloko. Khange aphelele ekundibetheni entloko uphinde wandihlaba esinqeni.”
Ngenxa yokuba ebedinga uncedo lwezempilo, ukhawuleze waya kwiziko lempilo iKhayelitsha Site B Community Health Centre, ngethemba lokuba abasebenzi abanesakhono sezempilo bazakumkhawulezela ukunyanga amanxeba akhe.
Noxa kunjalo, amathemba akhe agalelwe ngamanzi abandayo njengoko abasebenzi besisibhedlele bengakhange bamhoye, bengavakalelwa nangona bebona amanxeba akhe kwaye esezintlungwini.
“Ndifike kweliziko lempilo ngaphambi kokuba kubethe intsimbi yeshumi elinanye ebusuku, kodwa ndihlale kwade kwabetha intsimbi yesibhozo kusasa ndingakhange ndifumane ncedo kwaphela. Abongikazi bebendidlula nje ngathi ndize kuchitha iholide ngethuba ndisezintlungwini,” utsho ilizwi lakhe lingcangcazela kukuphoxeka.
Kubonakala ukuba wophukile entliziyweni, ixhoba ligqibe kwelokuba lingamangali kuba akukho zingxelo zasesibhedlela ezichaza ngomonzakalo wakhe.
“Oko iziganeko eziloluhlobo zingafumani kohlwaywa ngoko mthetho, amadoda asezakuqhubeka exhaphaza amanina. Abasebenzi abohlukelileyo ukuncedisa ixhoba kufanele bajamelene nesohlwayo esiqatha ukuze bawuthathele ingqalelo umsebenzi wabo kwixa elizayo.”
UAbulele Dyasi osisithethi seziko iKhayelitsha Site B Community Heath Centre uphawule malunga nendlela esebenza ngayo inkqubo yokuhoya abaguli kweliziko.
UDyasi uchaze ngelithi abaguli bayajongwa ukufika kwabo, kwaye ngokwemeko abafika bekuzo banikwa amaphepha anemibala yokwahlula ubunzulu nomngcipheko wemeko yempilo okanye amanxeba abanawo.
“Bathi xa befika kumaziko ethu bajongwe ukuba imeko yabo ingumngcipheko kangakanani na, kwaye banikwe imibala ethile ngokokungxamiseka kwemeko yakhe yempilo okanye amanxeba okulimala. Abasebenzi bezempilo baqala bajonge abanemibala ebomvu, kulandelwe ngemibala etyheli kungqityelwe ngemibala eluhlaza,” uchazile uDyasi.
Ngokokutsho kuka Dyasi, elixhoba belibekwe phantsi kombala oluhlaza, nto leyo ibonisa ukuba imeko yakhe ayidingi ncedo lwempilo lukhawulezayo.
Noxa kunjalo, ngenxa yabantu abaninzi abafika bekwimeko ezingaginyisi mathe, ixhoba linyanzeleke ukuba lilinde de kubethe imizuzu engamashumi amabini anesihlanu emva kwentsimbi yesibhozo kusasa ukuze likwazi ukufumana uncedo, nalapho kufumaniseke ukuba sele ede wahamba kweliziko.
Nangona edlulise amazwi okuxolisa ngento eyenzekileyo, uDyasi ugxininise ukuba inkqubo esetyenziswayo yokubona izigulani ihambiselana nenkqubo eziphambili zehlabathi kwaye iqinisekisa ukukhathalelwa kwabantu abakwimeko eziphakathi kokufa nokuphila kuqala.
Umfanekiso ongasentla: Owasetyhini waseKayelitha obetyelele iziko lempilo eKhayekitsha Site B ushiye eliziko engafumananga ncedo emva kokugwazwa ahlaselwe ngephanga lebhiya ngulowo ubesaya kuba liqabane lakhe, onguyise wabantwana bakhe ababini.
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Buziwe Nocuze.