Inqununu inqunyanyiswe ngezityholo zokudlwengula abafundi 

Ngu Songeziwe Mapukata

Ilali yaseNgakaxa eDutywa kwiphondo leMpuma Kapa yonganyelwe kukhukhulelwa kolutsha.  

Kungoku nje inqununu kunye netitshala yesikolo samabanga phakamileyo iBonkolo Senior Secondary School banqunyanyisiwe ngezityholo zokudlwengula abafundi, babakhulelise kwaye babanyanzelise ukuba bakhuphe izisu.  

Eli linyathelo elikhawulezileyo elithathwe lisebe lezemfundo ngoMvulo malunga nezizityholo ukuqinisekisa ukuba ukufunda nokufundisa akuphazamiseki kangako, njengoko abafundi bebhala iimviwo zabo zaphakathi konyaka, utshilo umalibongwe Mtima exelela iqonga leendaba iScrolla.Africa.  

“Kubalulekile ukuba sibonakalise ababafundi ukuba urhulumente akabalahlanga; ngako ke sizithathela ingqalelo ezizityholo. Sifuna abantwana babone ukuba imeko yabo yokuphila siyikhathalele.” isebe linikezela ngoluleko lwengqondo ukuncedisa abafundi ukuba bakwazi ukumelana kwaye bazame ukulwa nento ebehleleyo kunye noogxa babo.  

“Senza iinkqubo zokuqinisekisa ukuba abo bafunyaniswe benetyala bajingana nengalo yomthetho, kwaye soze baphinde batitshe kwakhona. Ezititshala zimbini, zinqunyanyisiwe njengoko kusaqhuba uphando.”  

Bakhawulezile ukuthatha amanyathelo kuba “besinoloyiko lokuba xa sithatha ixesha elide ukwenza isigqibo oku bekuzakuphazamisa iziphumo zemviwo zabantwana, ngako ke besinyanzelekile ukuba sithathe amanyathelo ngokukhawuleza.” 

“Simemelela bonke abazali ukuba baqhubeke ukusebenzisana nathi ukuqinisekisa ukuba izinto ezifana nezi zisonjululwa ngokufanelekileyo. Sonke sisebenzela ukufumana iziphumo ezihle kubantwana njengoko belungiselela ukubhala iimviwo. Soke kufuneka sidlale indima yethu kwaye siqinisekise ukuba asiphulukani nabantwana endleleni,” utshilo.  

Iqumrhu elilwela amalungelo abantwana kweliphondo leMpuma Kapa iKhula Community Development ekhokhelwe nguPetros Majola lityelele esisikolo phezolo emva kokufumana iminxeba emininzi yabantu abaxhalabileyo besithi abantwana bakhuleliswa ngootisthala kwesasikolo. Badibene nabazali kunye nootitshala, uMajola uxelele iqonga lendana iScrolla.Africa.  

“Ndifumene umnxeba kwiqumrhu leendaba lisithi Bonkolo SSS yenye yezikolo ezihamba phambili ngokukhulelwa kwabantwana, ngako ke ndiye ndayofikelela kwesasikolo…kuba oku akufanelekanga kudambise umfutho wokufunda esikolweni.  

“Kodwa ndothukile ukufumanisa ukuba abazali abavulanga matyala emapoliseni. Ndonwabile noko ukubona ukuba isebe lezemfundo lithatha ingqalelo malunga nezizityholo. Ngethemba lokuba namapolisa azakuzeka mzekweni,” utshilo Umajola.  

Umfanekiso ongasentla: Abafundi besikolo samabanga aphakamileyo iBonkolo  

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe