Inkwenkwana ibelixhoba lokudlwengulwa nguyise 

Ngu Anita Dangazele

Kwiveki ephelileyo ilizwe loMzantsi Afrika beliqwalalsela iveki yokhuseleko lwabantwana, kodwa inkwenkwana ineminyaka esibhozo ibinyamezele ukuxhatshazwa okumasikizi ezandleni zomzali wayo.  

Abahlali belali yaseMgababa ngaphandle kwedolophu yasePeddie kweliphondo leMpuma Kapa baxelele amapolisa malunga nokuxhatshazwa kunye nokuphathwa gadalala komntwana othile kulelali.  

Amapolisa afikele kumbono ophazamisayo: afumanise lenkwenkwana ihleli yodwa, ibotshelelwe ngamatsheyini entsimbi ngaphakathi endlini, utshilo uColonel Priscilla Naidu osisithethi samapolisa.  

Umntwana lo uthathwe wabalekiselwa esibhedlele, wabesele ekhululelwa kumakhulu wakhe ngoMgqibelo.  

UNaidu uthe lotata uneminyaka engamashumi amahlanu anesithathu, ungenako ukudizwa kuba kukhuselwa umntwana, ubegcwele amathafa ukusukela ngomhla wamashumi amathathu ananye kwekaCanzibe.  

Noxa kunjalo, emva kophando olunzulu olwenziwe licandelo elijongene nobundlobongela basemakhaya, ukhuseleko lwabantwana kunye nomatyala okwabelana ngesonqdo, utata walenkwenkwana ufunyenwe ezimele kwisihlobo sakhe eNU11 eMothwerwell eGqeberha.  

Umrhanelwa ubanjwe ngezityholo zokudlwengula, kunye nokuxhaphaza unyana wakhe, kwaye uzakuvela kwinkundla kamantyi ePeddie ngoLwesibini.  

Umkomishinala wamapolisa wephondo leMpuma Kapa uLt Gen Momthetheleli Mene uvakalisa ukothuka nokukhathazeka sisenzo ezingenabuntu oluhlobo sokuphatha umntwana omncinci kangaka.  

“Luxanduva lwethu njengabazali okanye abantu abakhathalela abantwana ukuqinisekisa ukhuseleko lwabantwana, kodwa kubi kakhulu xa kuphinde ibe ngababantu kanye abaxhaphaza abantwana endaweni yokubakhusela.  

“Njengoko sihlonipha iveki yokhuseleko lwabantwana, sidinga ukuba siqinisekise ukuba akanyamezelwa nakancinci amatyala olwaphulo mthetho ajoliswe abantwaneni njengoko usitsho nomgaqo siseko kunye nemithetho ekhusela abantwana,” utshilo uMene. 

Usihlalo wequmrhi lephondo leMpuma Kapa iMen for Change  uColonel Sivuyile Nqaphi uthe kubalulekile ukuqinisekisa ukhuseleko lomntwana oyinkwenkwe.  

“Nokukhuselwa komntwana oyinkwenkwe nokuqinisekisa ukhuseleko lwabo kuyafuneka kubekwe phambili. Ukuba akukho mntu ukhathalela abantwana abangamakhwenkwe senza umngcipheko wokukhulisa amadoda anomsindo,” utshilo.  

Umfanekiso ongasentla: Uboniso okhuthaza ukhuseleko lwabantwana 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaFacebool lenkonzo yesipolisa