
Ngu Buziwe Nocuze
Ibiyimincili kubantu abadala baseLusikisiki nase Flagstaff ngethuba kufika igquba labantu abanentliziyo bebapha ukutya ngelixa besalindele imali yabo eposini.
Esi senzo sibonakalisa uthando senziwe nguNwabisa Wopula, ongomnye wabaseki nabanikazi benkampani esingatha imisitho iBags on Call (BoC), bekwenza oku ukunceda abantu abadala ngethuba besalindele ufumana imali yabo yenkamnkam.
UWopula uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba ingcingane yokuphekela abantu abadala nabantu abaphila nenkubazeko yafika kuye emva kokubona ukuba abantu abaninzi bachitha ixesha elide befolile belindile ngaphandle eposini. Abanye abantu bafika kusasa kakhulu malunga nentsimbi yesihlanu ukuze bafumane ukuba sekuqaleni komgca.
“Sasisiva amabali okuba abantu abadala bafa isiqaqa kulemigca ngenxa yokuba belambile bengenayo imali, kwaye bediniwe kukuma emigceni ehamba kancinci eposini babe belambile,” utshilo uWopula.
Eliqela liphekela abantu abangaphezu kwamakhulu asibhozo kwaye libanceda nange ti eshushu ukuze bafumane ubushushu ngentseni ezibandayo zasebusika.
“Xa siqala ukubanika ukutya, bebecinga ukuba sizakubacela ukuba bahlawule imali. Khange bakholwe xa sibaxelela ukuba kusimahla. Ngeke sibagxeke ngokuqaphela,” utshilo.
UWopula uvakalise umbulelo kosomashishini kunye nabantu abamxhasileyo kulombono wakhe. Ngaphambi kokuqalisa lomsebenzi wokutyisa abantu abadala, eliqela liqale lacoca iposi yaseLusikisiki ukuze basebenzele kwindawo ecocekileyo.
UZiqubule Mngxongwana oneminyaka engamashumi asixhenxe owamkela imali yendodla, uqale wanoloyiko ekuqaleni xa ebona iqela leBoC lifika nokutya.
“Khange ndibathethise kuba akukho bantu benza izinto simahla. Bendicinga ukuba bazakufuna imali. Ndothukile bakusixelela ukuba kusimahla.”
UNombiyiselo Zintonga oneminyaka engamashumi amathandathu anesibhozo uthe ukutya bekumnandi.
Umfanekiso ongasentla: Iqela le Bags on Call liqalise ukulungiselela abantu abadala nabakhubazekileyo ukutya ngentsuku zokurhola ngelixa besalindele imali yabo
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe