
Iinkabi ezaziwayo, eziliqela lababulali abahlawulelwayo abasuka kwiphondo laKwaZulu-Natal, sele izinyanga zikhangela uProfessor Sakhela Buhlungu wedyunivesithi yaseFort Hare – kodwa akukhonto izakumvalela ukuba asuse neengcambu urhwaphilizo lweminyaka kule dyunivesithi, kubhala uZukile Majova.
Inqununu yedyunivesithi yaseFort Hare uProfessor Sakhela Buhlungu akazimiselanga ukuncama kuphando lwakhe lokuthengiswa kwezidanga kuledyunivesithi yephondo leMpuma Kapa.
Oku okwenza nangona uphando lwakhe luphikiswa zinkokheli eziphezulu kwezopolitiko, abaphathiswa kunye nenkulubaphathiswa yeliphondo leMpuma Kapa uOscar Mabuyane.
Ngethuba kufakwa isicelo sebheyile ngamadoda amahlanu abandakanyeka kukubulawa nokuzama ukubulawa kwabasebenzi baledyunivesithi, kuvakale ukuba kwakhutshwa isixamali esingange R5-million ukuze kubulawe uProfessor Buhlungu.
Onogada bakhe ababini babulawa kwiziganeko ezibini ezohlukeneyo ngethuba beqhuba isithuthi esisemthethweni salenqununu, Zozibini eziziganeko, uBuhlungu wayengekho kwezizithuthi.
Nangona kunjalo, uBuhlungu uzimisele ukuqhuba nophando lwakhe kwaye umemelele umongameli uCyril Ramaphosa nomphathiswa wenkonzo yesipolisa uBheki Cele ukuba bangenelele kwingxuba kaxaka yedyunivesithi yakhe.
UMabuyane ongumthenjwa osondeleyo kumongameli, ufake isicelo esikhawulezileyo kwinkundla ephakamileyo yaseBhisho ngenzame zokunqumamisa uphando olwenziwa yiledyunivesithi kunye necandelo lophando olukhethekileyo eziohanda ukubandakanyeka kwakhe kwibholo lokufumana izidanga ngokungekhio mthethweni.
Oluphando lwaphunyeleliswa ngumongameli emva kwengxelo zokuba osopolitiki beliphondo leMpuma Kapa bamkelwa kwizifundo zeHonours kunye nemasters bengayifezekisanga imiqathango yolwamkelo.
Inkukubaphathiswa ngokwayo ityholwa ngokwamkelwa ngobuqhophololo kwizifundo zeMasters ngenjongo yokuba ekuhambeni kwexesha uzakwamkelwa kwizifundo zePHD kwiPublic Administration, nangona enesidanga seBcom degree kuphela.
Utyholwa ngokufumana uncedo kubasebenzi baledyunivesithi ukudibanisa uphando lwakhe elungiselela izifundo zakhe zemasters.
Nangona ejamelene nokufa kunye nezimemezelo ezikhulayo zokuba arhoxe koluphando elungiselela ukhuseleko lwakhe, lenqununu ithi izimisela ukubuyisela isidima nokuthenjwa kwaledyunivesithi.
“Ledyunivesithi imilisela indlela yokubuyisela isidima nokuhlonitshwa kwaledyunivesithi ngokusebenzisana nabathathi nxaxheba abohlukeneyo.
“Uphando lwangaphakathi nolwangaphandle luncedisa ledyunivesithi ukuba iqondisise, ivavanye kwaye ikwazi ukukhawulelana nemiceli mngeni echaphazele kakubi ledyunivesithi kwixa elidlulileyo,” utshilo uBuhlungu.
Uqinisekisile ukuba yena neqela lakhe abazuluvumela uphando ukuba lubhangiswe kwaye uzakudibana noMabuyane enkundleni.
“Kungesisizathu sokuba siyaluqinisekisa uxanduva nokuzibophelela ngokomthetho ukusebenzisana namaqumrhu ezomthetho. Ledyunivesithi ithathe isigqibo sokusiphikisa isicelo sokunqumamisa uphando lweSIU kwaye izakuyixoxa lenyewe kwinkundla ephakamileyo.”
Umfanekiso ongasentla: Inqununu yedyunivesitho yaseFort Hare uProfessor Sakhela Buhkungu esenkundleni ngethuba lokufakwa kwesicelo sebheyile samadoda amahlanu atyholwa ngokubulawa kwabasebenzi bakhe nokuzama ukumbulala bethenjiswe ngokuhkawulwa imali efikelele kwiR5 million
Imvelaphi yomfanekiso: @SAPolieService