Ayaqhuba amaphulo okulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini kummandla waseO.R Tambo

Ngu Thabisa Ndzindzwa

Umasipala wesithili saseO.R Tambo uwenza luqilima amaphulo okulwa ubundlobongela obujoliswe kumanina nabantwana kunye nokubulawa kwamanina ngokubamba amaphulo ohlukeneyo kwesisithili.  

Ngempelaveki, bekubanjwe iphulo lokulwa nobundlobongela obusekelwe kwisini kwilali yaseLuphondo ukulumkisa nokufundisa abahlali ngendlela zokhuseleko.  

Oku kwenzeke kwilali kanye apho iqonga leendaba iScrolla.africa lalipapashe ingxelo zokubulawa kwamalungu amahlanu osapho olunye ebulawa ngamadoda awayexhobile angaziwayo.  

Isithethi somasipala wasekuhlaleni Ingquza Hill uBulelwa Capa uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba lendawo ikhethwe ngenxa yokwanda kweziganeko zolwaphulo mthetho olujoliswe kumanina.  

“Uninzi lweziziganeko ziyacetywa kujongwe iintsapho ezikhokhelwe ngamanina, apho kungekho mntu uyindoda kwelokhaya,” utshilo.  

Oku kuhambiselana ncakasana neenkcukacha manani zakutsha nje zolwaphulo mthetho. ILusikisiki iphala phambili kwiphondo leMpuma Kapa ngamatyala olwaphulo mthetho anento yokwenza nokwabelana ngesondo kunye nokudlwengula zekota yesine yonyakamali ka2022/2023.  

ILusikisiki ihamba phambili ngamatyala okudlwengula, apho kuxelwe iziganeko ezingamashumi asixhenxe anesibini, kodwa ebonakalisa ukuhla xa kuthelekiswa nangamashumi alithoba anethoba awaxelwa ngelixesha kwikota yesine yonyaka ophelileyo. itsho ingxelo yenkcukacha manani zika zwelonke ngokubhengezwa ngumphathiswa wamapolisa uBheki Cele kwiveki ephelileyo. 

Ukanti iLusikisiki ime kwindawo yesine apha ephondweni ngamatyala okubulalala, nalapho kuxelwe iziganeko ezingamashumi amathathu anethoba, nto leyo ibonakalisa ukonyuka ngamatyala alishumi elinesibini xa kuthelekiswa namatyala angamashumi amabini anesixhenxe axelwa ngelixesha kunyaka ka2022.  

Eliphulo lokulwa nobundlobongela obusekelelwe kwisini belibanjelwe kwa ward 25 apho izithethi zamasebe ohlukeneyo iebesabelana ngeqonga ekhumbuza abahlali ngokhuseleko ngelixa bekhalimela ukuxhatshazwa okusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwamanina.  

Itshantliziyo uNomana Mtshakaza uwugxekile umthetho weli ngellithi, “amalungelo amaxhoba okudlwengulwa asahlaselwa kuba amaxhoba aphila ngoloyiko ngenxa yabophuli mthetho ekuye kwenzeke ngamanye amaxesha kuphele iminyaka bengade babanjwe”. 

Ukhuthaze amaxhoba ukuba azomeleze ngokwengqondo ngokufunda kuba yeyona nto yathi yamnceda wakwazi ukoyisa uxinzelelo lwengqondo awayejamelene nalo.  

Uphinde wakhala ngokungabikho kwendawo zokhuseleko zokugcina amaxhoba amatyala obundlobongela.  

UBulelwa Capa uthe bayasokola ukugcina amaxhoba ekhuselekile kodwa: “Eyona nto iqaqambileyo koku kukuba usekela Mongameli uPaul Mashatile uzibophelele ukukhupha isixamali sezigidi ezibini zerandi ukwakha ikhaya lokhuseleko eliza kisebenza kummandla waseLuphondo neendawo ezingqongileyo eziquka KwaThathwa kunye naseMkhambathi.” 

Umfanekiso ongasentla: Iqonga lezithethi ebezizimase iphulo lokulwa nobundlobongela obusekelwe kwisini ebeluqhuba kwilali yaseLuphondo eLusikisiki 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe