Abafundi bedyunivesithi yaseFort Hare bongeza kwimicelimingeni yaledyunivesithi 

Ngu Anita Dangazele

Kuqhambuke umlilo ngobusuku bange Cawa kwidyunivesithi yaseFort Hare, kanye ngoku ikwinzame zokusindisa isidima sayo njengoko ijamelene nezityholo zorhwaphilizo, ukubulala kunye nonikezelo lweziqu ezingekho mthethweni. 

Igquba labafundi abasisifu ngumsindo lingene ngenkani kwiholo ebekulindeleke ukuba kuqalise ukuchotshelwa iimviwo zaphakathi konyaka ngoMvulo kuyo iSport Centre, basusa idesika nezitulo. Ekuhambe kwexesha kudizwe ukuba kuqhambuke umlilo obangele umonakalo omandla kule holo.  

Kumboniso othe ndii kumakhasi ezonxibelelwano, abafundi babonakala bephethe idesika nezitulo bezikhuphela ngaphandle kweholo ekuzakubhalelwa kuyo iimviwo kwikhampasi engundoqo yaledyunivesithi eAlice.  

Imbalelwano ekhutshwe ngumbutho wabafundi iSouth African Stident Cpngress (SASCO) ibanga ngelithi olugwayimbo yimiphumela yeengxoxo eziphanzileyo kunye noomanejala beliziko malinga noxwebhu lwezicwangcwiso zeemviwo olungabaniki mtyhi wokuophefumla.  

“ISASCO ifumene izikhalazo kubafundi malunga nezicwacwiso zentsuku zabo zokubhaka ezisondeleleneyo. Eliqumrhu labafundi ligqibe kweloku lithetha thethane nabaphathi kunye nentloko zamacandelo onke ngalemeko, lidakanca nobunzima obuthwaxa abafundi ukungena kumnatha ngelixa kanye balindeleke ukuba basebenze ngpkuzimisela kwimviwo zabo,” itshilo imbalelwano.  

Eliqumrhu lityhola ledyunivesithi ngokunganiki ngqalelo imiba yezemfundo echaphazela ubomi babafundi. ISASCO ibanga ngelithi izizise ngaphambile zonke iimeko zabanfundi kodwa idyunivesithi akukho nto iyenzayo ngoku. 

Ezingxaki ziquka ukungahlawulwa kwemali kwindawo ekuhlala abafundi okubangele ukuba abanye abafundi bagxothwe kwindawo zabo zokuhlala zangaphandle kwaledyunivesithi.  

“ISASCO ayokuvumela abafundi bagxothwe okwezinja ngenxa yobudlelwane obuphakathi kwequrhu elikhokhele abafundi iSRC kunye nabaphathi bedyunivesithi. ISASCO inyanzelisa ukuba kukhawuleziswe ukuhlawula imali yendawo zokuhlala abafundi,” iqhube yenjenje lembalelwano.  

Ukanti eiSASCO ilwatyhola iqumrhu elimele abafundi iSRC ngokusebenzisana nabaphathi kulenyewe.  

“Ngokomgaqo nkqubo, sidibene neSRC malunga nezingaxaki zabafundi njengoko bekulindeleke senzenjalo, ISRC igqibe kweloku ingakhathaleli kusinika mpendulo. Emva kokuba iSRC ihlale nabaphathi kwintlanganiso, besilindele uxwebhu lwentsuku zokubhala olungcono kodwa sibine exinene nangakumbi kunakuqala.” 

Iimviwo bezilindeleke ukuba ziqalise ngoLwesine kwiveki ephelileyo, kodwa ziye zarhoxiselwa uMvulo ngenxa yokungabikho kombane.  

EAlice bekukhona ingxaki yokungabikho kwenetwork, ngelixa indawo ezithile zedolophu eMonti bezingenawo umbane kwaye abafundi bebengakwazi ukufumana izixhobo zabo zokufunda besebenzisa ubuxhakaxhaka.  

Ziwephantsi zonke inzame ezenziwe liqonga iScrolla.Africa ukuqhakamshelana naledyunivesithi.  

Umfanekiso ongasentla: Umlilo obangele umonakalao omandla oqhambuke kwiholo iSports Centre kwidyunivesithi yase Fort Hare ngeCawa. 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi lika Facebook