Abafundi abanemfuno ezikhethekileyo bazakumela eli kwiqonga lehlabathi

Ngu Anita Dangazele

Amabali abafundi abathathu abanemfuno ezikhethekileyo bephondo leMpuma Kapa abazakumela uMzantsi Afrika kwiqonga lemidlalo yehlabathi abonakalisa impumelelo yabo engagunqiyo.  

USiphesihle Vuyelwa oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu wesikolo sabantwana abanemfuno ezikhethekileyo uMzamomhle Special  School eKariega  zange wakhe wacinga ukuba ngenye imini uzakukhuphisana kwiqonga lehlabathi xa wayeqala efunda ukudada kwidama lasekuhlaleni eneminyaka elishumi.  

“Bendonwabe kakhulu ndakuva igama lam libizwa, ndizakuba yinxalenye yeqela elizakuya eJamani,” utshilo.  

Ukanti uNtando Nokama oneminyaka elishumi elinesixhenxe owalahlekelwa yimilenze yakhe yomibini eneminyaka esixhenxe, uzakube ekhuphisana kwibhola ye tenetya yabahamba ngezitulo zamavaili.  

“Ndalimala ndineminyaka esixhenxe, ndeva ubuhlungu obukhulu. Zange ndiphinde ndizithande. Ndandingazazi ukuba ndiphilela ntoni kwaye abanye abantwana babendijongela phantsi,” utshilo uNakama.  

Kodwa uNakama uthe waqalisa ukuzithanda nokuzamkela emva kokuqalisa kwisikolo sabantwana abakhubazekileyo. “Ndaqalisa ukudlala imidlalo kwaye ndazamkela ngokwendlela  endiyiyo. Ndiyayithanda ibhola yetenetya kuba ayingomdlalo weqela. 

“Akukhomntu uzakumgxeka xa ungaphumelelanga, ngako ke kufuneka usebenze nzima ukuze uphumelele kwaye ndifuna ukuphumelela ukuze ndikwazi ukunceda abazali bam.” 

Omnye wabafundi abazakuya kumela eli kulemidlalo nguSinothando Adonis okhubazeke ngokwasengqondweni. 

Umama ka Adonis uNosiphiwo uthe imidlalo inike intombi yakhe ukuzithemba nokuzimela.  

“Umntwana wam unenkubazeko ngokwengqondo, kodwa ufunde ukuzimela ngenxa yezemidlalo.  

“Imidlalo imncede kakhulu, yamnika ukuzithemba kwaye ufunde nokukwazi ukuncokola nabantu,” utshilo uNosiphiwo. 

Ngolwesihlanu isebe lezemfumdo lephondo leMpuma Kapa belibambe umsitho wesisithathu eVW People’s Pavilliion eKariega. Umphathiswa wesebe lezemfundo uFundile Gade ugxininise ukubaluleka kokunika abantwana imfundo enazo zonke izakhono. 

“Ukhuphiswano olumandla lokufuna iziphumo ezingcono zilujongela phantsi uphuhliso lwababantwana, kuba wonke ubani ufuna ukufumana amanani aphezulu empumelelo.  

“Imfundo ayiqali iphele ngokufunda iincwadi kuphela. Iqala ezincwadini iphele ngophuhliso nkalo zonke zokuphuhlisa abantwana,” utshilo uGade.  

Umfanekiso ongasentla: Umphathiswa wesebe lezemfundo uFundile Gade kunye nabafundi abathathu abakhethekileyo 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe