
Ngu Zukile Mavoja
Kukho into engalunganga kakhulu ngoJohn Steenhuisen; akakwazi ukudanisa. Ngalo lonke ixesha ezama uphuma ecaleni.
Bendibukele amalungu ombutho weDA angabantu abamnyama kwinkomfa yakutshanje yonyulo yalombutho ezama ukufundisa uJohn ukudanisa alandele inkqubo kunye nesingqi, kodwa akukho themba.
UJohn akanaso isakhono “sokufunda imeko eyiyo”. Ngalo lonke ixesha uvakala ecaphuka, engxola ngathi uyashumayela okanye uyakhonkotha.
Bekunjalo nangoLwesithathu ngethuba umongameli uCyril Ramaphosa esothula intetho yakhe yevoti yohlahlo lwabiwo-mali.
Owona mxholo esikuwo njengelizwe ngalo mzuzu kukuba sikwintlekele etyabula uqoqosho lweli imali efikelele kwiR1 bhiliyoni yeeRandi ngosuku.
Ayiloxesha lokukhonkotha, ukubhomboloza, ufune ukukha amanqaku okanye ukukhombana ngeminwe. Eli Lixesha lokwabelana ngokwenene ngezisombululo nendoda ezama ukusihlangula kobu bubi.
Isisombululo sikaRamaphosa kule ngxaki ngokuqinisekileyo asizukuphuma kwiANC. I-ANC ichithe iminyaka engamashumi amathathu adlulileyo ifaka ilizwe kobu bugxwayiba ngoko ke akunakuthenjwa yona ngezisombululo zempumelelo zexesha elizayo.
UJohn akakwazi “ukufunda imo eqhubayo”. Utsibele uRamaphosa okuka uTony Leon ngeminyaka yoo-1990, ebeka ibala lokuba ngumkhohlisi othatha abantu boMzantsi Afrika njengezidenge zakhe.
“URamaphosa akayonkokeli. Ngusomaqhingashe ozithembileyo,” uxelele isizwe.
Ebhekisa kumongameli uthe: “Ulixoki lezopolitiko elisebenzisa ubudlelwane balo ukufumana inzuzo ekwenze wane bhiliyoni wakugqiba wawulibala uMzantsi Afrika ungeyonto uphalala igazi ebumdakeni wakugqiba ngathi.”
Uqhubekile kengelizwi lokurhabula, esenza ingxolo ebonakalisa ukucinga ndawonye okungafanelakanga kwiqela lezopolitiko elifuna ukubonakala njengelinokukhethwa ngabavoti ukuba lithathe isikhundla sombutho weANC.
Kodwa ukhona umahluko omhle.
UGqirha Pieter Groenewald, oyinkokeli yeFF-plus oyindoda enesakhono sayo sokufunda igumbi okanye imeko ubangela iDA ukuba iphulukane neevoti kulo lonke unyulo lovalo zikhewu, uphinde wasukuma wakhokhela ingxoxo mpikiswano malunga nezisombululo zokwenene ezinokuhlangula uMzantsi afrika kulentlekele.
Ethembise uRamaphosa ukuba umbutho wakhe uzakuncedisa ekuphuhliseni iqhinga lezoqoqosho eliza kunceda kulungiswe iingxaki esijongene nazo, sikhulise uqoqosho nokudala imisebenzi; UGqr Groenewald usifezekisile esisithembiso.
Ubalule kumongameli isicwangciso esibanzi sokulwa urhwaphilizo, kuzinzisa unikezelo nemveliso yombane, ukuqinisekisa ukhuseleko lokutya kwixa elizayo kwaye senze ilizwe lethu libe sisizwe esiphumelelayo.
Yiloo nto kanye uJohn angayiqondiyo.
Unyulo luka-2024 lunokwenza ukuba umbutho weANC uphulukane nolawulo kumaphondo amathathu – iNtshona Kapa, iKwaZulu-Natal kunye neRhawuti.
Ikamva lepolitiki kwixa elizayo lilele kukusetyenziswa kwezakhono, intsebenziswano, ukululamelana kunye nokulwela intando yesininzi hayi ukuthukana nokungxolelana.
Funda imeko esesandleni John!
Umfanekiso ongasentla: John Steenhuisen