Indawo yokucheba enomahluko

Ishishini lokucheba iBikini Barber eLangenbaan livuselele umfutho wale dolophu ikunxweme olusentshona. 

Amanina amahle anxiba ipenti kunye nebhodisi kuphela anikezela ngaphezu kokucheba iinwele kulevenkile yokucheba idumileyo. Bacheba iintlobo zokucheba inwele ezohlukeneyo, bakhathalela intshebe yabathengi benkonzo zabo – kuquka ukucoca kunye nokubapotoza! Ezi zizenzo ezinkulu kwaye abahlali abayivali milomo ngenkonzo abazifumanayo. 

Noxakunjalo, ayingabo bonke abantu abonwabayo kukubona lamagqiyazana anxibe ngoluhlobo. Ngelixa abanye abahlali besonwabela ukubona lomtsalane wamagqiyazana, abanye abantu bakhuze bengayeki bebonakalisa ukungayamkeli konke lemeko. 

UMarlize Erusmus ongumanejala wentengiso kwelishishini, uthethe echaza eyonanto ibengunobangela woku, ebhengeza ukuba, “ukuveza amathuba emisebenzi yeyona nto ibakhuthazileyo, kodwa enyanisweni ukuba yivenkile ekuphela kwayo echeba iinwele isebenzisa amagqiyazana anxiba iBikini eMzantsi Afrika kunomtsalane kakhulu! Yinto eqhelekileyo eMelika, kodwa sibone ukuba iLangebaan ingayisebenzisa ukonyusa umfutho.” 

Kwaye bawonyusile! Levenkile yokucheba kutsha nje isoloko iqubisana nezimvo ezohlukeneyo kubahlali ngolutshintsho. 

“Sinyanzeleke ukuba siqubisane nokugxekwa okumandla ngabahlali,” utshilo uErasmus.  

“Abantu bayasigxeka kunye namagqiyazana ethu, kodwa ke banomona! Sisoloko sipapasha ushicilelo lwemiboniso yomsebenzi wethu, kodwa ke abantu abagxekayo bazakusoloko bekhona.” 

Nenzanjani ngemozulu ebandayo njengoko uNxweme lwasentshona ludlisele ngengqele? Lamagqiyaza eBikini enza njani ukuhlala efudumele? Levenkile yokucheba ihlala inesishushubezi ukuze amaqondo obushushu onyuke kungabikho ngqele iqhaqhazelisa amazinyo. Yonke into esiyenzayo sifuna ukuqinisekisa ukuba abantu abafumana ubushushu kwaye yonke into ihamba ngendlela yalemihla.  

ngoku umbuzo omkhulu kuye wonke ubani: Ingaba amanina ayangena kulevenkile inomtsalane oluhlobo? Ewe! Eneneni igqiyazana elinye elihlakaniphileyo lade buza ukuba ingaba kuyachetywa na ngasese.  

UErasmus uthethe konke, esithi: “Sijonge ukwenza izinto ngokungenamkhethe  apha! Amanina amkelekile, kwaye sikhuthaza abathengi benkonzo zethu ukuba beze nabafazi babo. Kwaye ndiyakuthembisa, sithengisa inkonzo ezingathandekiyo kwabaninzi kodwa zibe zithandwa ngabanye!” 

Kuza kwenziwa njani xa kusenzeka kubekhona abangakwazi kugcina izandla zabo kubo? Ungakhathazeki yonke into ihamba ngendlela. Lamagqiyazana anxiba iBikini aqeqeshiwe kwaye ayakwazi ukuqubisana namehlo asoloko ethe ntsho kuwo kunye nezandla ezifuna ukuphatha.  

Bayenza icace ukuba akuphathwa, kwayo okwangoku akukabikho siganeko singalawulekiyo.  

Iqulunqwe ngumbhali wethu 

Umfanekiso ongasentla: Ivenkile yokucheba enamagqiyazana anxiba ipenti nebhodi kuphela – iBikini Barbershop