Bayaziphandela abantwana bephondo leMpuma Kapa 

Ngu Anita Dangazele

Uye wavukelwa yinkxalabo uNosiphiwo Nompumza emva kokunkqonkqozelwa yinkwenkwana ibingekhangeleka ingafikanga nakwishumi lesibini leminyaka ihamba icela ukutya kwilokishi yaseMdantsane eMonti. 

Ubuze lenkwenkwana ukuba ihamba yodwa na. Yatsho yakhomba abantakwabo abadalana kunaye abebekwenye indlu ngaphesheya kwendlela. Wagqiba kwelokuba ababize bonke baze kuye.  

“Ndibabuzile ukuba ndibenzele na ukutya. Balile besithi umakhulu wabo akakatyi. Ngako ke bacela into abazakuzenzela yona ekhaya,” utshilo.  

“Kuba ndingumntu osebenza njenge Lay Counsellor ndiye ndazibuza ukuba ingaba injani imeko emva. Ndigqibe kwelokuba ndibagalelele ukutya kwizikhaftina zikamakhulu wam zeTupperware, ukuze ndibenendlela yokuba ndibalandele bayokufika ekhayeni labo,” utshilo.  

UNompumza ubefuna ukuwakhapha lamakhwenkwe xa egoduka ukuze abone aqondisise ukuba injani imeko ekhayeni labo.  

“Ndithe xandifika imeko yabe imaxongo nangakumbi kunento ebendiyicinga. Umakhulu wabo akeva kwaye unzinyelwa nakukuthetha. Ndiqale ndazibuza ukuba ubathumenjani ukuba bayocela ukutya.” 

Lamakhwenkwe ahlala nomakhulu wawo oneminyaka engamashumi asixhenxe anesithathu, umalume kunye neqabane lakhe kunye nabanye abantwana ababini abaphakathi kweminyaka emibini nemihlanu.  

Oyena mntwana umdala uneminyaka engamashumi amabini kwaye uphazamisekile ngokwasengqondweni. Umama wakhe wadlwengulwa wabulawa kwinyanga eziliqela ezidlulileyo. Amanye amakhwenkwe angabazala bakhe baneminyaka elishumi elinesithathu neshumi elinanye. Umama wabo wahamba ekhaya kuba ekhalaza ngokuhlukunyezwa ngubhuti wakhe. Akaziwa ukuba watshona ngaphi.  

Akukho nomnye umntwana ofundayo.  

Ngelixa amakhwenkwe elungisa into yokutya phandle, uNompumza ubehleli ngaphakathi endlini ethetha nomakhulu wawo.  

UNompumza uthi ufumanise ukuba intombi le yahambayo ekhaya, yahamba nekhadi likamama wayo lokurhola imali yendodla “ngoku bayasokola”. 

Abantwana abathathu abadala abafumani kwankxasomali yabantwana karhulumente, kodwa abantwana baka malume ababini abancinci bayayifumana inkxaso mali karhulumente. Noxa kunjalo, amakhadi abo akwa Sassa okurhola kutyholwa ngokuba agcinwa kumnikazi wendawo yentselo yalapha ekuhlaleni okweletela abazali babo utywala.  

Amakhulu abantu baze ngaphambili bezibophelela ngokunikezela ngezipho ezizakunceda lamakhwenkwe kunye nomakhulu wawo oko ethe wapapasha ubunzima belikhaya uNompumza kwikhasi likaFacebook.  

Ilizwe loMzantsi Afrika liqaphela  iveki yokhuseleko lwabantwana, enjongo yayo ikukuqaqambisa amalungelo abantwana kunye nokhuseleko lwawo. Uphando olwenziwe yi Unicef malunga nabantwana abathwaxwa yindlala eMzantsi Afrika, lufumanise ukuba umyinge we42% yababantwana basuka kumakhaya amkela imali encinci kweli kwaye bakwiphondo leMpuma Kapa, KwaZulu-Natal kunye naseLimpopo.  

Isithethi sesebe lophuhliso loluntu kwiphondo leMpuma Kapa uMzukisi Solani ubengeka phenduli kwimibuzo ayithunyelelwe liqonga leendaba iScrolla.Africa ngethuba kupapashwa elinqaku.  

Umfanekiso ongasentla: Amakhwenkwe amathathu egoduka emva kwenzame zokucela ukutya ekuhlaleni 

Imvelaphi yomfanekiso Uthunyelwe